- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									11
									 
									 
									|Deuteronomio 19:11|
									Xa athe umntu wamthiya ummelwane wakhe, wamlalela,  wamvunukela, wambulala, wafa; wasabela komnye umzi kuloo mizi;									
									    
								 
- 
									
									12
									 
									 
									|Deuteronomio 19:12|
									amadoda amakhulu omzi wakhe othumela, amthabathe khona,  amnikele esandleni somphindezeli wegazi, ambulale, afe.									
									    
								 
- 
									
									13
									 
									 
									|Deuteronomio 19:13|
									Ze lingabi nanceba iliso lakho kuye; wolitshayela ke igazi elingenatyala, lingabikho kwaSirayeli, kulunge kuwe.									
									    
								 
- 
									
									14
									 
									 
									|Deuteronomio 19:14|
									Uze ungawushenxisi umlimandlela wommelwane wakho,  abawumisayo abamandulo elifeni lakho, oya kulidla ezweni elo akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba ulime.									
									    
								 
- 
									
									15
									 
									 
									|Deuteronomio 19:15|
									Ze kungesuki kume ngqina linye ngomntu ngenxa yobugwenxa,  nokuba bubuphi na, nangenxa yesono nokuba sisiphi, esonweni nokuba sisiphi one ngaso; lize limiswe ilizwi ngomlomo wamangqina amabini, nokuba kungomlomo wamangqina amathathu.									
									    
								 
- 
									
									16
									 
									 
									|Deuteronomio 19:16|
									Xa kuthe kwema ingqina elifumana limbopha umntu, ukuba lingqine okutyekileyo ngaye,									
									    
								 
- 
									
									17
									 
									 
									|Deuteronomio 19:17|
									loo madoda mabini abambeneyo oma phambi koYehova, phambi kwababingeleli nabagwebi abaya kubakho ngaloo mihla bancine abagwebi.									
									    
								 
- 
									
									18
									 
									 
									|Deuteronomio 19:18|
									Ukuba ke ingqina lilingqina lobuxoki, lingqine ubuxoki ngomzalwana walo,									
									    
								 
- 
									
									19
									 
									 
									|Deuteronomio 19:19|
									ize nenze kulo, njengoko belicinga ukwenza ngako kumzalwana walo; nibutshayele ke ububi, bungabikho phakathi kwenu.									
									    
								 
- 
									
									20
									 
									 
									|Deuteronomio 19:20|
									Bova abanye, boyike, kungabi saphindwa kwenziwe ngokwale ndawo imbi phakathi kwenu.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18