-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Deuteronomio 20:11|
kuthi, ukuba uthe wakuphendula ngoxolo wakuvulela, bonke abantu abafunyenwe kuwo babe ngabafakwa uviko, bakukhonze.
-
12
|Deuteronomio 20:12|
Ke ukuba uthe awaxola nawe, wesuka wenza imfazwe nawe, wowungqinga wena.
-
13
|Deuteronomio 20:13|
Ukuba uthe uYehova uThixo wakho wawunikela esandleni sakho, woyibulala yonke into eyindoda kuwo ngohlangothi lwekrele;
-
14
|Deuteronomio 20:14|
kodwa abafazi, nabantwana, neenkomo, neento zonke ezithe zabakho kuloo mzi, amaxhoba awo onke, wowathimbela kuwe, uwadle amaxhoba eentshaba zakho akunikileyo uYehova uThixo wakho.
-
15
|Deuteronomio 20:15|
Uya kwenjenjalo kuyo yonke imizi ekude kakhulu kuwe, engeyiyo yona imizi yezi ntlanga.
-
16
|Deuteronomio 20:16|
Kodwa emizini yezi zizwe akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba ibe lilifa, uze ungasindisi nanye into ephefumlayo.
-
17
|Deuteronomio 20:17|
Wowasingela phantsi kanye amaHeti, nama-Amori, namaKanan, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, njengoko wakuwiselayo umthetho uYehova uThixo wakho;
-
18
|Deuteronomio 20:18|
ukuze banganifundisi ukwenza amasikizi abo onke abawenze koothixo babo; none kuYehova uThixo wenu.
-
19
|Deuteronomio 20:19|
Xa nithe ke nenza iintsuku niwungqingile umzi, nisilwa nawo ukuba niwuhluthe, uze ungayonakalisi imithi yawo ngokuyixabela ngezembe; kuba uya kudla kuyo. Uze ungayigawuli; kuba umthi wasendle ungumntu na, ukuba ungqingwe nguwe?
-
20
|Deuteronomio 20:20|
Ngumthi owaziyo ukuba asimthi udliwayo wodwa owowonakalisa, uwugawule, wakhe izinto zokungqinga umzi olwa nawo, ude uwe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7