-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Deuteronomio 31:11|
ekuzeni kubonakala kwamaSirayeli onke phambi koYehova uThixo wakho, kuloo ndawo aya kuyinyula, wowulesa lo myalelo phambi kwamaSirayeli onke ezindlebeni zawo.
-
12
|Deuteronomio 31:12|
Bobizelwa ndawonye abantu, amadoda, nabafazi, nabantwana, nomphambukeli wakho osemasangweni akho, ukuze beve, nokuze bafunde, bamoyike uYehova uThixo wenu, bagcine ukuwenza onke amazwi alo myalelo;
-
13
|Deuteronomio 31:13|
beve noonyana babo abangaziyo, bafunde ukumoyika uYehova uThixo wenu, yonke imihla enidla ubomi ngayo, kuloo mhlaba eniwela iYordan nisiya kuwuma.
-
14
|Deuteronomio 31:14|
Wathi uYehova kuMoses, Yabona, isondele imihla yakho yokuba ufe. Biza uYoshuwa, niye nime ententeni yokuhlangana, ndimyale. Baya ooMoses noYoshuwa, bema ententeni yokuhlangana.
-
15
|Deuteronomio 31:15|
Wabonakala uYehova ententeni emqulwini welifu. Wamana umi umqulu welifu phezu komnyango wentente.
-
16
|Deuteronomio 31:16|
Wathi uYehova kuMoses, Yabona, uya kulala nooyihlo; basuke aba bantu bahenyuze ngokulandela thixo bambi belo zwe bangena kulo phakathi kwalo, bandishiye, bawaphule umnqophiso wam endiwenze nabo;
-
17
|Deuteronomio 31:17|
uvuthe umsindo wam kubo ngaloo mini, ndibashiye, ndibusithelise ubuso bam kubo, babe ngabokudliwa kuthi tu, bafunyanwe bububi obuninzi naziimbandezelo; bathi ngaloo mini, Akungenxa yokuba engekho na uThixo wam phakathi kwam, le nto ndifunyenwe bobu bubi?
-
18
|Deuteronomio 31:18|
Ke mna ndiya kubusithelisa kuphele ubuso bam ngaloo mini, ngenxa yobubi bonke ababenzileyo; ngokuba bejike baya thixweni bambi.
-
19
|Deuteronomio 31:19|
Kaloku ke zibhaleleni le ngoma, niyifundise oonyana bakaSirayeli, niyibeke emlonyeni wabo, ukuze le ngoma ibe lingqina lam koonyana bakaSirayeli.
-
20
|Deuteronomio 31:20|
Kuba ndiya kubangenisa kuwo umhlaba endafunga kooyise ngawo, obaleka amasi nobusi, badle bahluthe, batyebe; bajike baye thixweni bambi, babakhonze, bandigibe, bawaphule umnqophiso wam.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3