-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Deuteronomio 31:21|
Kothi, xa bathe bafunyanwa bububi obuninzi naziimbandezelo, isuke le ngoma iphendule phambi kwabo, ibe lingqina: kuba ayisayi kulityalwa imke emlonyeni wembewu yabo; kuba ndiyakwazi ukucamanga kwabo abakwenzayo namhla, ndingekabangenisi njeÂ’kwelo zwe ndifunge ngalo.
-
22
|Deuteronomio 31:22|
Wayibhala uMoses loo ngoma ngaloo mini, wayifundisa oonyana bakaSirayeli.
-
23
|Deuteronomio 31:23|
Wammisela uYoshuwa unyana kaNun umthetho; wathi, Yomelela, ukhaliphe, kuba uya kubangenisa wena oonyana bakaSirayeli kwelo zwe ndabafungela lona. Ndiya kuba nawe mna.
-
24
|Deuteronomio 31:24|
Kwathi, akugqiba uMoses ukuwabhala amazwi alo myalelo encwadini ada agqitywa,
-
25
|Deuteronomio 31:25|
uMoses wabawisela umthetho abaLevi, ababethwala ityeya yomnqophiso kaYehova, esithi,
-
26
|Deuteronomio 31:26|
Yithabatheni incwadi yalo myalelo, niyibeke ecaleni letyeya yomnqophiso kaYehova uThixo wenu, ibe lingqina khona kuni.
-
27
|Deuteronomio 31:27|
Ngokuba ndiyazazi iinkani zakho, nentamo yakho elukhuni. Yabonani, ndisadla ubomi nje, ndisenani, namana niphikisana noYehova; kobeka phi na emva kokufa kwam?
-
28
|Deuteronomio 31:28|
Bizelani ndawonye onke amadoda amakhulu ezizwe zenu, nababhali benu, beze kum, ndiwathethe la mazwi ezindlebeni zabo, ndingqinisise amazulu nehlabathi ngabo.
-
29
|Deuteronomio 31:29|
Kuba ndiyazi ukuba, emva kokufa kwam, niya kuzonakalisa kanye, nityeke endleleni endiniwisele umthetho ngayo, nihlelwe bububi ekupheleni kwemihla; ngokuba niya kwenza ububi phambi koYehova, ukuba nimqumbise ngomsebenzi wezandla zenu.
-
30
|Deuteronomio 31:30|
Wawathetha ke uMoses ezindlebeni zebandla lonke lakwaSirayeli amazwi ale ngoma, ada agqitywa:
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21