-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Deuteronomio 11:11|
Ke lona ilizwe eniwelela kulo, nisiya kulihlutha, lilizwe leentaba nezihlambo, elisela amanzi emvula yezulu;
-
12
|Deuteronomio 11:12|
lilizwe alikhathaleleyo uYehova uThixo wakho, ahlala ekulo amehlo kaYehova uThixo wakho, ethabathela ekuqaleni komnyaka, ade ase ekupheleni komnyaka.
-
13
|Deuteronomio 11:13|
Kothi, ukuba nithe nayiphulaphula ngenyameko imithetho yam endiniwise layo namhla, yokuba nimthande uYehova uThixo wenu, nimkhonze ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke:
-
14
|Deuteronomio 11:14|
ndininike imvula yelizwe lenu ngexesha layo, ethambisayo nevuthisayo, uhlanganise ingqolowa yakho, newayini yakho entsha, neoli yakho;
-
15
|Deuteronomio 11:15|
ndizinike utyani iinkomo zakho, emadlelweni akho, udle uhluthe.
-
16
|Deuteronomio 11:16|
Zigcineni, hleze ikhohliseke intliziyo yenu, nityeke, nikhonze thixo bambi, nibanqule,
-
17
|Deuteronomio 11:17|
uvuthe umsindo kaYehova kuni, alivingce izulu kungabikho mvula, umhlaba ungayivelisi indyebo yawo, nibhubhe kamsinya, ningabikho ezweni elihle, aninika lona uYehova.
-
18
|Deuteronomio 11:18|
La mazwi am nize niwabekele intliziyo yenu nomphefumlo wenu niwabophe esandleni senu, abe ngumqondiso, abe zizikhumbuzo phakathi kwamehlo enu;
-
19
|Deuteronomio 11:19|
niwafundise oonyana benu, uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho, nasekuvukeni kwakho;
-
20
|Deuteronomio 11:20|
uwabhale emigubasini yendlu yakho, nasemasangweni akho:
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10