-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Deuteronomio 12:21|
Xa ithe yamgama kuwe indawo leyo, aya kuyinyula uYehova uThixo wakho, ukuba alimise kuyo igama lakhe: woxhela ezinkomeni zakho, nasempahleni yakho emfutshane, akunikileyo uYehova, njengoko ndakuwisela umthetho ngako, udle emasangweni akho ngokunqwena konke komphefumlo wakho.
-
22
|Deuteronomio 12:22|
Kanye njengokuba lidliwa ibhadi nexhama, uya kwenjenjalo ukuyidla; oyinqambi nohlambulukileyo bofana ukuyidla.
-
23
|Deuteronomio 12:23|
Kodwa qina ungalidli igazi, kuba igazi ngumphefumlo; uze ungawudli ke umphefumlo kunye nenyama.
-
24
|Deuteronomio 12:24|
Uze ungalidli; woliphalazela emhlabeni njengamanzi.
-
25
|Deuteronomio 12:25|
Uze ungalidli; ukuze kulunge kuwe, nakoonyana bakho emva kwakho, xa uthe wakwenza okuthe tye emehlweni kaYehova.
-
26
|Deuteronomio 12:26|
Zizinto zakho ezingcwele zodwa ezilunge kuwe, nezibhambathiso zakho, owozithabatha uzise endaweni leyo aya kuyinyula uYehova;
-
27
|Deuteronomio 12:27|
wenze amadini akho anyukayo, inyama negazi, esibingelelweni sikaYehova uThixo wakho; igazi lemibingelelo yakho uligalele esibingelelweni sikaYehova uThixo wakho, uyidle inyama yona.
-
28
|Deuteronomio 12:28|
Gcina uwaphulaphule la mazwi onke, ndikuwisela umthetho ngawo, ukuze kulunge kuwe nakoonyana bakho emva kwakho, kude kuse ephakadeni, xa uthe wenza okulungileyo nokuthe tye emehlweni kaYehova uThixo wakho.
-
29
|Deuteronomio 12:29|
Xa athe uYehova uThixo wakho wazinqumla phambi kwakho iintlanga, apho uya kuzigqogqa khona, wazigqogqa ke, wahlala ezweni lazo:
-
30
|Deuteronomio 12:30|
zigcine, hleze uthiyelwe uzilandele, emveni kokutshatyalaliswa kwazo phambi kwakho; hleze uquqele koothixo bazo, uthi, Zibe zisithini na ezi ntlanga ukubakhonza oothixo bazo? Ndiya kwenjenjalo nam.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7