-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Deuteronomio 15:1|
Ekupheleni kweminyaka esixhenxe, uze wenze uyekelelo.
-
2
|Deuteronomio 15:2|
Nali ke isiko loyekelelo: Bonke ababoleki ababoleke ngesandla sabo, mabayiyekelele into abayiboleke ummelwane wabo, bangammemi ummelwane wabo ongumzalwana wabo; ngokuba kumenyezwe uyekelelo lukaYehova.
-
3
|Deuteronomio 15:3|
Ungammema owolunye uhlanga; ke into eyiyeyakho ekumzalwana wakho soyiyekelela isandla sakho.
-
4
|Deuteronomio 15:4|
Kodwa ke ze kungabikho hlwempu kuwe; ngokuba uYehova wokusikelela kakhulu ezweni elo, akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa, ulime;
-
5
|Deuteronomio 15:5|
ukuba uthe kodwa waliphulaphula ngenyameko izwi likaYehova uThixo wakho, wagcina ukuwenza wonke lo mthetho ndikuwiselayo namhla.
-
6
|Deuteronomio 15:6|
Ngokuba uYehova uThixo wakho ukusikelele, njengoko wathethayo kuwe; woboleka iintlanga ezininzi ngezibambiso, ke wena akuyi kuboleka kuzo ngazibambiso. Wolawula iintlanga ezininzi, ke zona aziyi kukulawula.
-
7
|Deuteronomio 15:7|
Xa kuthe kwakho ihlwempu kuwe ebazalwaneni bakho, nokuba kukuliphi kumasango akho, ezweni lakho akunikayo uYehova, uThixo wakho, uze ungayenzi ingqoshomba intliziyo yakho, usivale isandla sakho kumzalwana wakho olihlwempu.
-
8
|Deuteronomio 15:8|
Uze usivule kakhulu isandla sakho kuye, umboleke into elingene ukuswela kwakhe aswele ngako.
-
9
|Deuteronomio 15:9|
Uze uzigcine kungabikho butshijolo entliziyweni yakho, uthi, Usondele umnyaka wesixhenxe, umnyaka woyekelelo; libe libi iliso lakho ngakumzalwana wakho olihlwempu, ungamniki nto; aze akhale ngawe kuYehova, ube nesono.
-
10
|Deuteronomio 15:10|
Uze umnike, ingabi mbi intliziyo yakho ekumnikeni kwakho; ngokuba ngenxa yale ndawo wokusikelela uYehova uThixo wakho emsebenzini wakho wonke, nasezintweni zonke osa isandla sakho kuzo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10