-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Deuteronomio 1:11|
UYehova uThixo wooyihlo makalongeze inani lenu kaliwaka kunoko lingako, anisikelele njengoko wathethayo kuni.
-
12
|Deuteronomio 1:12|
Ndingathini na ukubuthwala ndedwa ubunzima benu, nomthwalo wenu, nembambano yenu?
-
13
|Deuteronomio 1:13|
Zikhangeleleni amadoda alumkileyo, aziingqondi, aziwayo, ngokwezizwe zakomawenu, ndiwamise abe ziintloko zenu.
-
14
|Deuteronomio 1:14|
Nandiphendula nathi, Ilizwi olithethileyo lilungile ukuba silenze.
-
15
|Deuteronomio 1:15|
Ndabathabatha ke abaziintloko zezizwe zakowenu, amadoda alumkileyo, aziwayo, ndawamisa aba ziintloko phezu kwenu: abathetheli-waka, nabathetheli-makhulu, nabathetheli-mashumi ngamahlanu, nabathetheli-mashumi ngamanye, nabaphathi, ngokwezizwe zakomawenu.
-
16
|Deuteronomio 1:16|
Ndabawisela umthetho abaphathi benu ngelo xesha, ndathi, Noyilamla into ephakathi kwabazalwana benu, nigwebe ngobulungisa phakathi komntu nomzalwana wakhe, nowasemzini okuye.
-
17
|Deuteronomio 1:17|
Ize ningakhethi buso ekugwebeni kwenu; ize nimphulaphule omncinane njengomkhulu, ninganxunguphaliswa bubuso bomntu; ngokuba ukugweba oku kokukaYehova. Indawo eninqabeleyo noyizisa kum, ndiyive.
-
18
|Deuteronomio 1:18|
Ndaniwisela umthetho ngelo xesha ngezinto zonke enozenza.
-
19
|Deuteronomio 1:19|
Sanduluka eHorebhe, sayihamba yonke laa ntlango inkulu, yoyikekayo nayibonayo, sihamba ngendlela yentaba yama-Amori, njengoko uYehova uThixo wethu wasiyalelayo, sada seza eKadeshe-bharneha.
-
20
|Deuteronomio 1:20|
Ndathi ke kuni, Nifikile entabeni yama-Amori, awasinikayo uYehova, uThixo wethu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10