-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Deuteronomio 21:11|
wabona phakathi kwabathinjwa intokazi emzimba mhle, wathana nca nayo, wayizeka yaba ngumkakho:
-
12
|Deuteronomio 21:12|
woyingenisa phakathi endlwini yakho, ichebe intloko yayo, inqumle iinzipho zayo,
-
13
|Deuteronomio 21:13|
iyisuse kuyo ingubo yokuthinjwa kwayo, ihlale endlwini yakho, imlilele uyise nonina inyanga iphela. Emveni koko woyingena, ube yindoda yayo, yona ibe ngumkakho.
-
14
|Deuteronomio 21:14|
Kothi ukuba uthe akwayinanza, uyindulule iye ekuthandeni kwayo; ungakhe uthengise ngayo ngemali, ungayiphathi kakubi, uyonile nje.
-
15
|Deuteronomio 21:15|
Xa ithe indoda yanabafazi ababini, omnye ethandwa, omnye ethiyiwe, bayizalela oonyana, lowo uthandwayo nalowo uthiyiweyo; ke unyana wamazibulo waba ngowothiyiweyo:
-
16
|Deuteronomio 21:16|
kothi mini ibabela ilifa lento enayo oonyana bayo, ingabi nako ukumenza owamazibulo unyana wothandwayo, phambi konyana wothiyiweyo ongowamazibulo;
-
17
|Deuteronomio 21:17|
kuba owamazibulo, unyana lo wothiyiweyo, yomazalelela, imnike izahlulo ezibini zento yonke eya kufunyanwa inayo; ngokuba eyingqalo yokuqina kwayo, bulunge nayo ubuzibulo.
-
18
|Deuteronomio 21:18|
Xa indoda ithe yanonyana oyinjubaqa, oneenkani, ongaliphulaphuliyo ilizwi likayise nelizwi lonina, bambetha, akabaphulaphula noko:
-
19
|Deuteronomio 21:19|
uyise nonina bombamba baphume naye, baye kumadoda amakhulu omzi wakowabo, nasesangweni laloo ndawo yakowabo;
-
20
|Deuteronomio 21:20|
bathi kumadoda amakhulu omzi wakowabo, Lo nyana wethu yinjubaqa, uneenkani, akaliphulaphuli ilizwi lethu, ulidla-kudla, ulinxila.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19