- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									11
									 
									 
									|Deuteronomio 21:11|
									wabona phakathi kwabathinjwa intokazi emzimba mhle,  wathana nca nayo, wayizeka yaba ngumkakho:									
									    
								 
- 
									
									12
									 
									 
									|Deuteronomio 21:12|
									woyingenisa phakathi endlwini yakho, ichebe intloko yayo,  inqumle iinzipho zayo,									
									    
								 
- 
									
									13
									 
									 
									|Deuteronomio 21:13|
									iyisuse kuyo ingubo yokuthinjwa kwayo, ihlale endlwini yakho, imlilele uyise nonina inyanga iphela. Emveni koko woyingena, ube yindoda yayo, yona ibe ngumkakho.									
									    
								 
- 
									
									14
									 
									 
									|Deuteronomio 21:14|
									Kothi ukuba uthe akwayinanza, uyindulule iye ekuthandeni kwayo; ungakhe uthengise ngayo ngemali, ungayiphathi kakubi,  uyonile nje.									
									    
								 
- 
									
									15
									 
									 
									|Deuteronomio 21:15|
									Xa ithe indoda yanabafazi ababini, omnye ethandwa, omnye ethiyiwe, bayizalela oonyana, lowo uthandwayo nalowo uthiyiweyo; ke unyana wamazibulo waba ngowothiyiweyo:									
									    
								 
- 
									
									16
									 
									 
									|Deuteronomio 21:16|
									kothi mini ibabela ilifa lento enayo oonyana bayo, ingabi nako ukumenza owamazibulo unyana wothandwayo, phambi konyana wothiyiweyo ongowamazibulo;									
									    
								 
- 
									
									17
									 
									 
									|Deuteronomio 21:17|
									kuba owamazibulo, unyana lo wothiyiweyo, yomazalelela,  imnike izahlulo ezibini zento yonke eya kufunyanwa inayo;  ngokuba eyingqalo yokuqina kwayo, bulunge nayo ubuzibulo.									
									    
								 
- 
									
									18
									 
									 
									|Deuteronomio 21:18|
									Xa indoda ithe yanonyana oyinjubaqa, oneenkani,  ongaliphulaphuliyo ilizwi likayise nelizwi lonina, bambetha,  akabaphulaphula noko:									
									    
								 
- 
									
									19
									 
									 
									|Deuteronomio 21:19|
									uyise nonina bombamba baphume naye, baye kumadoda amakhulu omzi wakowabo, nasesangweni laloo ndawo yakowabo;									
									    
								 
- 
									
									20
									 
									 
									|Deuteronomio 21:20|
									bathi kumadoda amakhulu omzi wakowabo, Lo nyana wethu yinjubaqa, uneenkani, akaliphulaphuli ilizwi lethu,  ulidla-kudla, ulinxila.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 14-15