-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Deuteronomio 25:11|
Xa kuthe kwantlalana amadoda amabini, umntu nomzalwana wakhe, wasondela umfazi wenye, ukuba ahlangule indoda yakhe esandleni seyibethayo, wolula isandla sakhe, wayibamba ngamaphambili,
-
12
|Deuteronomio 25:12|
wosinqumla isandla sakhe, lingabi nanceba iliso lakho.
-
13
|Deuteronomio 25:13|
Uze ungabi namatye ngamatye okulinganisa engxoweni yakho, amakhulu namancinane.
-
14
|Deuteronomio 25:14|
Uze ungabi nee-efa ngee-efa endlwini yakho, enkulu nencinane;
-
15
|Deuteronomio 25:15|
uze ube nelitye elizalisekileyo, elilelobulungisa; uze ube ne-efa ezalisekileyo, eyiyeyobulungisa, ukuze yolulwe imihla yakho emhlabeni lowo akunikayo uYehova uThixo wakho.
-
16
|Deuteronomio 25:16|
Ngokuba bangamasikizi kuYehova uThixo wakho bonke abenza loo nto, bonke abenza ubumenemene.
-
17
|Deuteronomio 25:17|
Khumbula loo nto wayenzayo uAmaleki kuwe endleleni, ekuphumeni kwenu eYiputa;
-
18
|Deuteronomio 25:18|
owakuhlangabezayo ngendlela, wabetha kuwo umqosheliso wakho, bonke abaphelelweyo abasemva kuwe, utyhafile, udiniwe; akamoyika uThixo.
-
19
|Deuteronomio 25:19|
Kothi, ekukuphumzeni kukaYehova uThixo wakho ezintshabeni zakho zonke ngeenxa zonke, ezweni elo akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa ulime, usicime isikhumbuzo sika Amaleki phantsi kwezulu; uze unga libali.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40