- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									21
									 
									 
									|Deuteronomio 33:21|
									Wazibonela isahlulo esiyingqalo; Ngokuba besibekwe khona isabelo sommisi-mthetho. Weza kwiintloko zabantu, Wenza ubulungisa bukaYehova, Namasiko akhe ndawonye namaSirayeli.									
									    
								 
- 
									
									22
									 
									 
									|Deuteronomio 33:22|
									Wathi ngoDan, UDan lithole lengonyama; Usuka umtsi eBhashan.									
									    
								 
- 
									
									23
									 
									 
									|Deuteronomio 33:23|
									NgoNafetali wathi, Nafetali, ukholisiweyo kanye, Uzeleyo yintsikelelo kaYehova, Woluhlutha ulwandle nomzantsi.									
									    
								 
- 
									
									24
									 
									 
									|Deuteronomio 33:24|
									NgoAshere wathi, Usikelelwe ngaphezu koonyana uAshere;  Makabe likholo phakathi kwabazalwana bakhe, Athi nkxu unyawo lwakhe eolini.									
									    
								 
- 
									
									25
									 
									 
									|Deuteronomio 33:25|
									Imivalo yakho yoba sisinyithi nobhedu, Kube ngangeemini zakho ukonwaba kwakho.									
									    
								 
- 
									
									26
									 
									 
									|Deuteronomio 33:26|
									Akukho unjengoThixo, Yeshurun, Ulokhwela emazulwini eluncedo lwakho, Ulokhwela esibhakabhakeni enobungangamsha bakhe.									
									    
								 
- 
									
									27
									 
									 
									|Deuteronomio 33:27|
									Likhaya uThixo wamandulo, Ngaphantsi ziingalo ezingunaphakade. Ugxotha utshaba ebusweni bakho; Uthi,  Tshabalalisa!									
									    
								 
- 
									
									28
									 
									 
									|Deuteronomio 33:28|
									USirayeli uhlala ekholosile, Uwodwa umthombo kaYakobi,  Usinga ezweni lengqolowa newayini entsha; Inene izulu lalo liqhoqhoza umbethe.									
									    
								 
- 
									
									29
									 
									 
									|Deuteronomio 33:29|
									Unoyolo, Sirayeli! Ngubani na onjengawe, bantu basindiswe nguYehova, Ikhaka loncedo lwakho, Ikrele lobungangamsha bakho.  Ziya kuhanahanisa kuwe iintshaba zakho, Unyathele ke wena emimangweni yazo.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18