-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Deuteronomio 3:1|
Sajika, senyuka ngendlela yaseBhashan; waphuma uOgi ukumkani waseBhashan, wasihlangabeza yena nabantu bakhe bonke, ukuba kuliwe e-Edreyi.
-
2
|Deuteronomio 3:2|
Wathi uYehova kum, Musa ukumoyika; ngokuba ndimnikele esandleni sakho, nabantu bakhe bonke, nelizwe lakhe; uya kwenza kuye njengoko wenza ngako kuSihon ukumkani wama-Amori, obemi eHeshbhon.
-
3
|Deuteronomio 3:3|
UYehova uThixo wethu wamnikela ke ezandleni zethu uOgi ukumkani waseBhashan, nabantu bakhe bonke; sambulala, kwada akwabakho namnye usindayo.
-
4
|Deuteronomio 3:4|
Sayithimba yonke imizi yakhe ngelo xesha, akwabakho mzi singawuthabathanga kubo; imizi yaba mashumi mathandathu, wonke ummandla waseArgobhi, ubukumkani bukaOgi eBhashan.
-
5
|Deuteronomio 3:5|
Yonke loo mizi ibinqatyiswe ngodonga oluphakamileyo, namasango, nemivalo; iyodwa imizi yabasemaphandleni, eyabe imininzi kunene.
-
6
|Deuteronomio 3:6|
Sayisingela phantsi, njengoko senzayo kuSihon ukumkani waseHeshbhon; sasingela phantsi amadoda emizi yonke, nabafazi, nabantwana.
-
7
|Deuteronomio 3:7|
Ke zona iinkomo zonke namaxhoba aloo mizi sazithimbela.
-
8
|Deuteronomio 3:8|
Salithabatha ke ngelo xesha ilizwe esandleni sookumkani bobabini bama-Amori, elingaphonoshono kweYordan, lisusela kumlanjana oyiArnon, lada lesa entabeni yeHermon
-
9
|Deuteronomio 3:9|
(amaTsidon athi iHermon leyo yiSiriyon, ke ama-Amori athi yiSenire),
-
10
|Deuteronomio 3:10|
yonke imizi yehewu, neyelaseGiliyadi lonke, neBhashan yonke, kwada kwesa eSaleka ne-Edreyi, imizi yobukumkani bukaOgi eBhashan.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10