- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									11
									 
									 
									|Deuteronomio 5:11|
									Uze ungafumane ulibize igama likaYehova uThixo wakho, kuba uYehova akayikumenza omsulwa, ofumana alibize igama lakhe.									
									    
								 
- 
									
									12
									 
									 
									|Deuteronomio 5:12|
									Gcina umhla wesabatha, ukuba wungcwalise, njengoko wakuwisela umthetho uYehova uThixo wakho.									
									    
								 
- 
									
									13
									 
									 
									|Deuteronomio 5:13|
									Wosebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho;									
									    
								 
- 
									
									14
									 
									 
									|Deuteronomio 5:14|
									ke wona umhla wesixhenxe uyisabatha kaYehova uThixo wakho.  Uze ungenzi namnye umsebenzi, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nenkomo yakho,  ne-esile lakho, neento zakho zonke ezizitho zine, nowasemzini osemasangweni akho, ukuze siphumle isicaka sakho nesicakakazi sakho, njengawe;									
									    
								 
- 
									
									15
									 
									 
									|Deuteronomio 5:15|
									ukhumbule ukuba ube ulikhoboka ezweni laseYiputa,  wakukhupha khona uYehova uThixo wakho ngesandla esithe nkqi,  nangengalo eyolukileyo; ngenxa yoko ukuwisele umthetho uYehova uThixo wakho, ukuba uwugcine umhla wesabatha.									
									    
								 
- 
									
									16
									 
									 
									|Deuteronomio 5:16|
									Beka uyihlo nonyoko, njengoko akuwisele umthetho uYehova uThixo wakho, ukuze yolulwe imihla yakho, nokuze kulunge kuwe emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho.									
									    
								 
- 
									
									17
									 
									 
									|Deuteronomio 5:17|
									Uze ungabulali.									
									    
								 
- 
									
									18
									 
									 
									|Deuteronomio 5:18|
									Uze ungakrexezi.									
									    
								 
- 
									
									19
									 
									 
									|Deuteronomio 5:19|
									Uze ungebi.									
									    
								 
- 
									
									20
									 
									 
									|Deuteronomio 5:20|
									Uze ungangqini ubungqina obubuxoki ngommelwane wakho.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18