-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Deuteronomio 7:1|
Xa athe uYehova uThixo wakho wakungenisa kulo ilizwe, oya kulo ukuba ulime, wanyothula iintlanga ezininzi ebusweni bakho, amaHeti, namaGirgashi, nama-Amori, namaKanan, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, iintlanga ezisixhenxe, zizininzi, zinamandla kunawe,
-
2
|Deuteronomio 7:2|
wazinikela kuwe uYehova uThixo wakho: uze uzixabele, uzisingele phantsi kuphele; ungenzi mnqophiso nazo, ungazisizeli.
-
3
|Deuteronomio 7:3|
Uze ungendiselani nazo, intombi yakho ungayiniki unyana wakhe, intombi yakhe ungayizekeli unyana wakho;
-
4
|Deuteronomio 7:4|
kuba yomtyekisa unyana wakho angandilandeli, bakhonze thixo bambi, uvuthe umsindo kaYehova kuni, akutshabalalise kamsinya.
-
5
|Deuteronomio 7:5|
Ke yenjani nje kuzo: zidilizeni izibingelelo zazo, nizichithe izimiso zazo, nibaxakaxe ooAshera bazo, niyitshise ngomlilo imifanekiso yazo eqingqiweyo.
-
6
|Deuteronomio 7:6|
Ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wakho; uninyule uYehova uThixo wakho, ukuba nibe ngabantu abayinqobo kuye, kunabantu bonke abaphezu komhlaba.
-
7
|Deuteronomio 7:7|
Akungabuninzi benu kunezinye izizwe zonke, le nto athene nca nani uYehova, waninyula; kuba nimbalwa kunezinye izizwe zonke.
-
8
|Deuteronomio 7:8|
Kungokunithanda kukaYehova, kungokusigcina kwakhe isifungo abesifungele ooyihlo, le nto anikhuphe ngesandla esithe nkqi uYehova, wanikhulula ngentlawulelo endlwini yobukhoboka, esandleni sikaFaro, ukumkani waseYiputa.
-
9
|Deuteronomio 7:9|
Yazi ke, ukuba uYehova uThixo wakho nguye uThixo, uThixo wenyaniso, obagcinela umnqophiso nenceba abamthandayo, abayigcinayo imithetho yakhe, ase ewakeni lesizukulwana;
-
10
|Deuteronomio 7:10|
obabuyekezayo abamthiyayo ebusweni babo, ukuba abashabalalise. Akalibali ukumbuyekeza omthiyayo; uya kumbuyekeza ebusweni bakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10