-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
19
|Job 27:19|
Ulala phantsi esisityebi, akaphindi; Uvula amehlo akhe, angabikho.
-
20
|Job 27:20|
Kumthabatha njengamanzi ukukhwankqa, Simbe ebusuku isaqhwithi.
-
21
|Job 27:21|
Luyamfukula ulophu lwasempumalanga, emke, Lumqweqwedise endaweni yakhe.
-
22
|Job 27:22|
UThixo umgibisela angamcongi; Usibaleka asibaleke isandla sakhe.
-
23
|Job 27:23|
Bamtyhwakrazela izandla, Bamenzele umsondlo, emke endaweni yakhe.
-
1
|Job 28:1|
Kuba kukho apho iphuma khona isilivere, Nendawo yegolide abayihluzayo.
-
2
|Job 28:2|
Isinyithi sithatyathwa eluthulini, Banyibilikisa amatye abe lubhedu.
-
3
|Job 28:3|
Baphelisa ubumnyama, Bebhekisa eziphelweni zonke, Begocagocela amatye asesithokothokweni nawasebumnyameni obuthe shinyi.
-
4
|Job 28:4|
Bemba umngxuma kude kwabemiyo, Belityelwe lunyawo lwabahambi; Baxhomekile bekude nabantu, bayajinga.
-
5
|Job 28:5|
Umhlaba-kuphuma ukutya kuwo; Umzantsi wawo ubhukuqwa ngathi ngumlilo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10