-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Job 1:11|
Kodwa ke khawuse isandla sakho ngoku, uchukumise into yonke anayo, ukuba akayi kukulahla na nawe lo, akwenze oko ebusweni bakho.
-
12
|Job 1:12|
Wathi uYehova kuSathana, Yabona, konke anako kusesandleni sakho; ke kuye ngokwakhe musa ukusa sandla sakho. Waphuma ke uSathana, wemka ebusweni bukaYehova.
-
13
|Job 1:13|
Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakhe neentombi zakhe babesidla, besela iwayini, endlwini yomkhuluwa wabo omkhulu.
-
14
|Job 1:14|
Kweza umthunywa kuYobhi, wathi, Iinkomo bezilima, namaesile ebesidla ecaleni lazo;
-
15
|Job 1:15|
agaleleka amaShebha, azithimba, ababulala abafana ngohlangothi lwekrele, kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.
-
16
|Job 1:16|
Esathetha lo, kwafika omnye, wathi, Umlilo kaThixo uwe ezulwini, wayitshisa impahla emfutshane nabafana, wabadla; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.
-
17
|Job 1:17|
Esathetha lo, kwafika omnye wathi, AmaKaledi amisa amaqela amathathu azingenela iinkamela, azithimba, ababulala abafana ngohlangothi lwekrele; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.
-
18
|Job 1:18|
Esathetha lo, kwafika omnye, wathi, Oonyana bakho neentombi zakho babesidla, besela iwayini endlwini yomkhuluwa wabo omkhulu;
-
19
|Job 1:19|
nanko kuvela umoya omkhulu ngasentlango, wabetha ezimbombeni zone zendlu, yabawela abafana abo, bafa; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.
-
20
|Job 1:20|
Wesuka uYobhi, wayikrazula ingubo yakhe yokwaleka, wayicheba intloko yakhe, wawa emhlabeni, waqubuda.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19