- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									11
									 
									 
									|Job 1:11|
									Kodwa ke khawuse isandla sakho ngoku, uchukumise into yonke anayo, ukuba akayi kukulahla na nawe lo, akwenze oko ebusweni bakho.									
									    
								 
- 
									
									12
									 
									 
									|Job 1:12|
									Wathi uYehova kuSathana, Yabona, konke anako kusesandleni sakho; ke kuye ngokwakhe musa ukusa sandla sakho. Waphuma ke uSathana, wemka ebusweni bukaYehova.									
									    
								 
- 
									
									13
									 
									 
									|Job 1:13|
									Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakhe neentombi zakhe babesidla, besela iwayini, endlwini yomkhuluwa wabo omkhulu.									
									    
								 
- 
									
									14
									 
									 
									|Job 1:14|
									Kweza umthunywa kuYobhi, wathi, Iinkomo bezilima, namaesile ebesidla ecaleni lazo;									
									    
								 
- 
									
									15
									 
									 
									|Job 1:15|
									agaleleka amaShebha, azithimba, ababulala abafana ngohlangothi lwekrele, kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.									
									    
								 
- 
									
									16
									 
									 
									|Job 1:16|
									Esathetha lo, kwafika omnye, wathi, Umlilo kaThixo uwe ezulwini, wayitshisa impahla emfutshane nabafana, wabadla;  kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.									
									    
								 
- 
									
									17
									 
									 
									|Job 1:17|
									Esathetha lo, kwafika omnye wathi, AmaKaledi amisa amaqela amathathu azingenela iinkamela, azithimba, ababulala abafana ngohlangothi lwekrele; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.									
									    
								 
- 
									
									18
									 
									 
									|Job 1:18|
									Esathetha lo, kwafika omnye, wathi, Oonyana bakho neentombi zakho babesidla, besela iwayini endlwini yomkhuluwa wabo omkhulu;									
									    
								 
- 
									
									19
									 
									 
									|Job 1:19|
									nanko kuvela umoya omkhulu ngasentlango, wabetha ezimbombeni zone zendlu, yabawela abafana abo, bafa; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.									
									    
								 
- 
									
									20
									 
									 
									|Job 1:20|
									Wesuka uYobhi, wayikrazula ingubo yakhe yokwaleka,  wayicheba intloko yakhe, wawa emhlabeni, waqubuda.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18