-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
8
|Job 42:8|
Ngoku ke zithabatheleni iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe sixhenxe, neenkunzi zeegusha zibe sixhenxe, niye kumkhonzi wam uYobhi, nizinyusele idini elinyukayo, uYobhi umkhonzi wam anithandazele. Ndomnonelela yena yedwa, ukuze ndingenzi kuni ngokobudenge benu; kuba ningathethanga nto iyiyo ngam, njengomkhonzi wam uYobhi.
-
9
|Job 42:9|
Baya ke ooElifazi wakwaTeman, noBhiledadi wakwaShuwa, noTsofare waseNahama, benza njengoko wakuthethayo kubo uYehova. Waza uYehova wamnonelela ke uYobhi.
-
10
|Job 42:10|
UYehova wakubuyisa ukuthinjwa kukaYobhi, akubonÂ’ ukuba ubathandazele oowabo. Wakongeza uYehova konke awayenako uYobhi, kwada kwaphindwa kabini.
-
11
|Job 42:11|
Beza kuye bonke abazalwana bakhe, noodade babo bonke, nabo bonke ababesazana naye ngenxa engaphambili, badla naye ukutya endlwini yakhe, bamkhuza, bamthuthuzela ngenxa yobubi bonke, abemfikisele bona uYehova; bamnika elowo ikhulu lemali, elowo ijikazi legolide.
-
12
|Job 42:12|
UYehova wakusikelela ukuphela kukaYobhi ngaphezu kokuqala kwakhe; waba neshumi elinesine lamawaka empahla emfutshane, nesithandathu samawaka eenkamela, newaka lezibini zeenkomo, newaka leemazi zamaesile.
-
13
|Job 42:13|
Waba noonyana abasixhenxe, neentombi ezintathu. Igama leyokuqala kwathiwa nguJemima,
-
14
|Job 42:14|
igama leyesibini nguKetsiya, igama leyesithathu nguKeren-hapuki.
-
15
|Job 42:15|
Akwafumaneka mankazana mahle njengeentombi zikaYobhi ezweni lonke. Uyise wazinika amafa phakathi kwabanakwazo.
-
16
|Job 42:16|
Emveni koko, uYobhi wadla ubomi iminyaka elikhulu elinamanci mane, wabona oonyana bakhe, noonyana boonyana bakhe, izizukulwana zazine.
-
17
|Job 42:17|
Wafa ke uYehobi, eyindoda enkulu, ephelele ebudaleni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10