-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Job 40:6|
UYehova wamphendula uYobhi, esemoyeni ovuthuzayo, wathi,
-
7
|Job 40:7|
Khawuzibhinqise amanqe akho njengomfo; Ndiya kukubuza, undazise.
-
8
|Job 40:8|
Kanene uya kwaphula nogwebo lwam na, Undigwebe, ukuze ube lilungisa?
-
9
|Job 40:9|
Unengalo enjengekaThixo na, Ududume ngezwi njengaye?
-
10
|Job 40:10|
Khawuzihombise ke ngobungangamsha nokuphakama kwakho, Wambathe indili nobungangamela.
-
11
|Job 40:11|
Makuphalale ukuphuphuma komsindo wakho, Ulibone lonke ikratshi, uligungxule.
-
12
|Job 40:12|
Libone lonke ikratshi, ulithobe, Ubangqule abangendawo ezindaweni zabo.
-
13
|Job 40:13|
Baqhusheke eluthulini kunye, Ububophe ubuso babo emfihlekweni.
-
14
|Job 40:14|
Nam ndokudumisa, Ukuba sikusindisile isandla sakho sokunene.
-
15
|Job 40:15|
Khawuyibone imvubu endayenza yanawe: Idla utyani njengenkomo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7