- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									1
									 
									 
									|Job 1:1|
									Kwabe kukho indoda ezweni lakwaUtse, egama libe linguYobhi.									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Job 1:2|
									Yaye loo ndoda igqibelele, ithe tye, imoyika uThixo, ityeka ebubini. Yazalelwa oonyana abasixhenxe neentombi ezintathu.									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Job 1:3|
									Imfuyo yayo yayingamawaka asixhenxe empahla emfutshane,  namawaka amathathu eenkamela, namakhulu amahlanu ezibini zeenkomo, namakhulu amahlanu eemazi zamaesile, nabakhonzi abaninzi kunene; yaba nkulu ke loo ndoda kubo bonke oonyana belasempumalanga.									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Job 1:4|
									Oonyana bakhe babeqhele ukuya kwenza isidlo endlwini yalowo ibiyimini yakhe; bathumele bameme oodade babo bobathathu, ukuba badle basele nabo.									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Job 1:5|
									Kwathi, yakuba izungulezile imihla yesidlo, wathumela uYobhi, wabangcwalisa, wavuka kusasa, wanyusa amadini anyukayo ngokwenani labo bonke bephela; kuba uYobhi ebesithi, Mhlawumbi oonyana bam bangaba bonile, bamlahla uThixo entliziyweni yabo.  Ubesenjenjalo ke uYobhi loo mihla yonke.									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Job 1:6|
									Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakaThixo beza kuzimisa phambi koYehova, weza noSathana phakathi kwabo.									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Job 1:7|
									Wathi uYehova kuSathana, Uvela phi na? USathana wamphendula uYehova, wathi, Ekutyhutyha-tyhutyheni ehlabathini,  nasekuhamba-hambeni kulo.									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Job 1:8|
									Wathi uYehova kuSathana, Umgqalile na kodwa umkhonzi wam uYobhi: ukuba akukho unjengaye ehlabathini, indoda egqibeleleyo, ethe tye, emoyikayo uThixo, etyekayo ebubini?									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Job 1:9|
									USathana wamphendula uYehova, wathi, UYobhi lo ufumana emoyikela ilize na uThixo?									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Job 1:10|
									Akuthanga na wena wambiyela wamjikeleza, wayijikeleza indlu yakhe; wayijikeleza into yonke anayo ngeenxa zonke;  wawusikelela umsebenzi wezandla zakhe, imfuyo yakhe yaligqiba ilizwe?									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18