- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									9
									 
									 
									|Job 2:9|
									Wathi umkakhe kuye, Usabambelele na ekugqibeleleni kwakho?  Mlahle uThixo, ufe.									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Job 2:10|
									Wathi yena kuye, Uthetha njengesidengekazi. Siya kwamkela okulungileyo kuThixo, singamkeli nokubi, yini na? Kuko konke oko akonanga uYobhi ngomlomo wakhe.									
									    
								 
- 
									
									11
									 
									 
									|Job 2:11|
									Ke kaloku izihlobo ezithathu zikaYobhi zabuva bonke obo bubi bumfikeleyo, zeza, saeso sivela endaweni yaso: uElifazi wakwaTeman, noBhiledadi wakwaShuwa, noTsofare waseNahama.  Banqophisana ukuba beze, bamkhuze, bamthuthuzele.									
									    
								 
- 
									
									12
									 
									 
									|Job 2:12|
									Baphakamisa amehlo abo besekude, abamazi; baphakamisa izwi labo, balila; bakrazula elowo ingubo yakhe yokwaleka,  bazigalela ngothuli entloko, beluphosa phezulu ezulwini.									
									    
								 
- 
									
									13
									 
									 
									|Job 2:13|
									Bahlala naye emhlabeni apho iimini zasixhenxe nobusuku bazo; kungekho namnye uthetha naye, kuba babebona ukuba umvandedwa wakhe mkhulu kakhulu.									
									    
								 
- 
									
									1
									 
									 
									|Job 3:1|
									Emveni koko uYobhi wawuvula umlomo wakhe, wayiqalekisa imini yakhe.									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Job 3:2|
									Wasusela uYobhi, wathi,									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Job 3:3|
									Mayidake imini endazalwa ngayo, Nobusuku ekwathiwa,  Kukhawulwe indoda.									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Job 3:4|
									Loo mini mayibe bubumnyama, Angayinyamekeli uThixo phezulu,  Kungayibengezeli ukukhanya.									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Job 3:5|
									Mayikhululwe ngentlawulelo bubumnyama nethunzi lokufa,  Makulale amafu phezu kwayo; Mayidandathekiswe kokungcolisa imini.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18