- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									21
									 
									 
									|Job 1:21|
									Wathi, Ndaphuma ndize esizalweni sikama, ndiya kubuyela khona ndikwaze: uYehova wanika, ikwanguYehova othabathileyo;  igama likaYehova malibongwe.									
									    
								 
- 
									
									22
									 
									 
									|Job 1:22|
									Kuko konke oko akonanga uYobhi, akamsola nokumsola uThixo.									
									    
								 
- 
									
									1
									 
									 
									|Job 2:1|
									Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakaThixo beza kuzimisa phambi koYehova; weza noSathana phakathi kwabo, ukuba azimise phambi koYehova.									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Job 2:2|
									Wathi uYehova kuSathana, Uvela phi na? USathana wamphendula uYehova, wathi, Ekutyhutyha-tyhutyheni ehlabathini,  nasekuhamba-hambeni kulo.									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Job 2:3|
									Wathi uYehova kuSathana, Umgqalile na kodwa umkhonzi wam uYobhi, ukuba akukho unjengaye ehlabathini, indoda egqibeleleyo, ethe tye, emoyikayo uThixo, etyekayo ebubini:  esabambeleleyo ekugqibeleleni kwayo, noko undixhokonxele kuyo ukubandiyiginyele ilize?									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Job 2:4|
									USathana wamphendula uYehova, wathi, Ulusu ngenxa yolusu;  konke anako umntu wokunika ngenxa yomphefumlo wakhe.									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Job 2:5|
									Kodwa ke khawuse isandla sakho ngoku, uchukumise emathanjeni akhe nasenyameni yakhe, ukuba akayi kukulahla na nawe lo,  akwenze oko ebusweni bakho.									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Job 2:6|
									Wathi uYehova kuSathana, Nanko esesandleni sakho; kuphela wogcina umphefumlo wakhe.									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Job 2:7|
									Waphuma ke uSathana, wemka ebusweni bukaYehova; wambetha uYobhi ngamathumba amabi, wathabathela entendeni yonyawo lwakhe, wesa elukakayini lwakhe.									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Job 2:8|
									Wathabatha ukhamba ukuba azikhuhle ngalo, ehleli eluthuthwini.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18