-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Job 1:21|
Wathi, Ndaphuma ndize esizalweni sikama, ndiya kubuyela khona ndikwaze: uYehova wanika, ikwanguYehova othabathileyo; igama likaYehova malibongwe.
-
22
|Job 1:22|
Kuko konke oko akonanga uYobhi, akamsola nokumsola uThixo.
-
1
|Job 2:1|
Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakaThixo beza kuzimisa phambi koYehova; weza noSathana phakathi kwabo, ukuba azimise phambi koYehova.
-
2
|Job 2:2|
Wathi uYehova kuSathana, Uvela phi na? USathana wamphendula uYehova, wathi, Ekutyhutyha-tyhutyheni ehlabathini, nasekuhamba-hambeni kulo.
-
3
|Job 2:3|
Wathi uYehova kuSathana, Umgqalile na kodwa umkhonzi wam uYobhi, ukuba akukho unjengaye ehlabathini, indoda egqibeleleyo, ethe tye, emoyikayo uThixo, etyekayo ebubini: esabambeleleyo ekugqibeleleni kwayo, noko undixhokonxele kuyo ukubandiyiginyele ilize?
-
4
|Job 2:4|
USathana wamphendula uYehova, wathi, Ulusu ngenxa yolusu; konke anako umntu wokunika ngenxa yomphefumlo wakhe.
-
5
|Job 2:5|
Kodwa ke khawuse isandla sakho ngoku, uchukumise emathanjeni akhe nasenyameni yakhe, ukuba akayi kukulahla na nawe lo, akwenze oko ebusweni bakho.
-
6
|Job 2:6|
Wathi uYehova kuSathana, Nanko esesandleni sakho; kuphela wogcina umphefumlo wakhe.
-
7
|Job 2:7|
Waphuma ke uSathana, wemka ebusweni bukaYehova; wambetha uYobhi ngamathumba amabi, wathabathela entendeni yonyawo lwakhe, wesa elukakayini lwakhe.
-
8
|Job 2:8|
Wathabatha ukhamba ukuba azikhuhle ngalo, ehleli eluthuthwini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19