-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Job 3:6|
Obo busuku-masibubambe isithokothoko; Mabungavuyi phakathi kwemihla yomnyaka; Mabungangeni enanini leenyanga.
-
7
|Job 3:7|
Yabona, obo busuku mabube ludlolo; Makungezi kumemelela kubo,
-
8
|Job 3:8|
Mababuqalekise abaqalekisi bemihla, Abaxhobele ukuxhokonxa ileviyatan.
-
9
|Job 3:9|
Mazibe mnyama iinkwenkwezi zomso wabo obomvu; Mabulinde ukufika kokukhanya, kungabikho; Bungaziboni iinkophe zesifingo;
-
10
|Job 3:10|
Ngokuba bungazivalanga iingcango zesizalo esandizalayo, Bungabusithelisanga ububi emehlweni am.
-
11
|Job 3:11|
Ibe iyini na ukuba ndingafeli embilinini, Ndingaphumi umphefumlo ndisavela esizalweni?
-
12
|Job 3:12|
Kube kungani na ukuba amadolo andihlangabeze? Ibe iyini na ukuba andihlangabeze amabele, ukuze ndiwanye?
-
13
|Job 3:13|
Kuba ngoku ngendiba ndilele, ndazola; Ngendiba ndalala ubuthongo, ndandula ukuphumla
-
14
|Job 3:14|
Nokumkani namaphakathi elizwe, Abo bazakhelayo amanxuwa;
-
15
|Job 3:15|
Nabathetheli abanegolide, Abazizalisayo izindlu zabo ngesilivere.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Salmos 78-80