-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
16
|Job 39:16|
Iyawabukula amathole ayo ngathi asingawayo, Kuphalale ukuxelenga kwayo, ingaxhali.
-
17
|Job 39:17|
Ngokuba uThixo wenze yabulibala ubulumko, Akayabela ingqondo.
-
18
|Job 39:18|
Xesha limbi izibetha iphakame, Ilihleke ihashe nomkhweli walo.
-
19
|Job 39:19|
Linikwa nguwe na ihashe ubukroti? Uyambathise intamo yalo ngobuyakayaka?
-
20
|Job 39:20|
Nguwe na oliqakathisa njengenkumbi? Isandi somfutho walo siyothusa.
-
21
|Job 39:21|
Liyagquba entilini ngamanqina, lenze amagqasi ngamandla; Liphuma likhawulele umkhosi onesikrweqe.
-
22
|Job 39:22|
Liyakuhleka ukunkwantya; aliqhiphuki mbilini; Alijiki phambi kwekrele.
-
23
|Job 39:23|
Urhashaza phezu kwalo umphongolo, Nentshuntshe ebengezelayo, nenkcula.
-
24
|Job 39:24|
Ngentshakavu nangengcwangu liginya ilizwe; Alimi kwakuvuthelwa isigodlo.
-
25
|Job 39:25|
Okuvuthela sivuthelwayo isigodlo, lisuka ngathi lithi, Ngxatsho ke! Lisezela imfazwe kwakude, Nokududuma kwabathetheli, nokufunza.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4