- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									20
									 
									 
									|Job 4:20|
									Kusa kuhlwe, beqotywa; Badake kuphele, kungekho ugqalayo.									
									    
								 
- 
									
									21
									 
									 
									|Job 4:21|
									Abathi na, xa luthe lwancothulwa kubo uthambo lwentente,  Bafe bengalumkanga?									
									    
								 
- 
									
									1
									 
									 
									|Job 5:1|
									Khawubize kambe, ukuba ukho na owokuphendula. Uya kubheka kuwuphi na kwabangcwele?									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Job 5:2|
									Kuba ingqumbo iyambulala osisimathane, Nekhwele liyambulala osisiyatha.									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Job 5:3|
									Ndimbonile mna osisimathane emila; Ndaza ndalishwabulela ngesiquphe ikhaya lakhe.									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Job 5:4|
									Bakude nosindiso abantwana bakhe, Batyunyuzwa esangweni bengenamhlanguli;									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Job 5:5|
									Ekubeni abalambileyo besidla uvuno lwakhe, Balurhole naseluthangweni lwesiphingo; Abanxaniweyo bazonda ubutyebi babo.									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Job 5:6|
									Kuba inkohlakalo ayiphumi eluthulini, Nobubi abuntshuli emhlabeni;									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Job 5:7|
									Hayi, umntu uzalelwa ububi, Njengokuba iintlantsi zinyuka ukubaleka kwazo.									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Job 5:8|
									Ke mna bendiya kusingisa kuThixo, Indawo yam ndiyibhekise kuThixo,									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18