-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Deuteronomio 2:11|
Bekusithiwa ngamaRafa nawo, njengama-Anaki; ke amaMowabhi athi ngamaEma.
-
12
|Deuteronomio 2:12|
NakwaSehire bekumi amaHori kudala; koko oonyana bakaEsawu bawagqogqa, bawatshabalalisa ebusweni babo, bahlala esikhundleni sawo, njengoko akwenzayo amaSirayeli ezweni lelifa lawo, abelinikwe nguYehova.
-
13
|Deuteronomio 2:13|
Ndathi ke, Ndulukani ngoku, niwele umlanjana weZerede; sawuwela ke umlanjana weZerede.
-
14
|Deuteronomio 2:14|
Imihla yokuhamba kwethu, sisuka eKadeshe-bharneha side siwele umlanjana weZerede, yaba yiminyaka emashumi mathathu anesibhozo; sada saphela sonke eso sizukulwana samadoda okulwa phakathi komkhosi, njengoko uYehova wawafungelayo.
-
15
|Deuteronomio 2:15|
Saye kananjalo isandla sikaYehova siphezu kwawo, ukuba adutywadutywe phakathi komkhosi ade agqitywe.
-
16
|Deuteronomio 2:16|
Kwathi, xenikweni onke amadoda okulwa ayegqityiwe, afa phakathi kwabantu,
-
17
|Deuteronomio 2:17|
wathetha uYehova kum, esithi,
-
18
|Deuteronomio 2:18|
Namhla uya kugqitha emdeni wakwaMowabhi oyiAre,
-
19
|Deuteronomio 2:19|
usondele malungana noonyana baka-Amon. Uze ungababandezeli, uze ungabambani nabo; kuba ezweni loonyana baka-Amon andiyi kukunika ndawo yakuma; ngokuba ndilinike oonyana bakaLote ukuba limiwe ngabo.
-
20
|Deuteronomio 2:20|
Bekusithiwa lilizwe lamaRafa nalo. Bekumi amaRafa khona kudala; ama-Amon athi ngamaZamzum;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21