- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									31
									 
									 
									|Deuteronomio 2:31|
									Wathi uYehova kum, Yabona, ndiqalile ukumnikela kuwe uSihon nelizwe lakhe; qala ukulihlutha, ulidle ilifa ilizwe lakhe.									
									    
								 
- 
									
									32
									 
									 
									|Deuteronomio 2:32|
									Waphuma ke uSihon wasihlangabeza, yena nabantu bakhe bonke,  eza kulwa eYatsa.									
									    
								 
- 
									
									33
									 
									 
									|Deuteronomio 2:33|
									UYehova uThixo wethu wamnikela kuthi; sambulala, yena noonyana bakhe, nabantu bakhe bonke.									
									    
								 
- 
									
									34
									 
									 
									|Deuteronomio 2:34|
									Sayithimba yonke imizi yakhe ngelo xesha, sawasingela phantsi amadoda emizi yonke, nabafazi, nabantwana; asasalisa namnye usindayo.									
									    
								 
- 
									
									35
									 
									 
									|Deuteronomio 2:35|
									Ziinkomo zodwa esazithimbelayo, namaxhoba emizi esayithimbayo.									
									    
								 
- 
									
									36
									 
									 
									|Deuteronomio 2:36|
									Sathabathela eArohere, eseludinini lomlanjana oyiArnon,  emzini osesihlanjeni, sada sesa eGiliyadi, akwabakho mzi usinqabelayo; konke wakunikela kuthi uYehova uThixo wethu.									
									    
								 
- 
									
									37
									 
									 
									|Deuteronomio 2:37|
									Lilizwe loonyana baka-Amon lodwa, eningasondelanga kulo:  lonke icala lomlanjana oyiYabhoki, nemizi yasezintabeni, nento yonke awawisa umthetho ngayo uYehova uThixo wethu.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 14-15