-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Deuteronomio 4:1|
Kaloku ke, Sirayeli, yiphulaphule imimiselo namasiko endinifundisa wona, ukuba niwenze; ukuze niphile, ningene, nilime ilizwe aninikayo uYehova uThixo wooyihlo.
-
2
|Deuteronomio 4:2|
Ize ningongezi ezwini endiniwisela umthetho ngalo, ize ninganciphisi nto kulo, ukuze niyigcine imithetho kaYehova uThixo wenu, endiniwisela yona.
-
3
|Deuteronomio 4:3|
Amehlo enu akubonile oko wakwenzayo uYehova kuBhahali-pehore; ngokuba bonke abo babemlandela uBhahali-pehore, uYehova uThixo wakho ubatshabalalisile phakathi kwakho.
-
4
|Deuteronomio 4:4|
Ke nina nanamathelayo kuYehova uThixo wenu, niphilile nonke namhla.
-
5
|Deuteronomio 4:5|
Yabonani, ndinifundise imimiselo namasiko, njengoko ndawiselwa umthetho nguYehova uThixo wam, ukuze nenze ngokunjalo phakathi kwelizwe eningena kulo, ukuba nilime.
-
6
|Deuteronomio 4:6|
Yigcineni ke niyenze; ngokuba oku bubulumko benu, nengqondo yenu, emehlweni abantu abaya kuyiva yonke le mimiselo; bathi, Olu hlanga lukhulu ngabantu abalumkileyo, abanengqondo bodwa.
-
7
|Deuteronomio 4:7|
Ngokuba luluphi na uhlanga olukhulu, oluthixo usondeleyo kulo, njengoYehova uThixo wethu, ekumbizeni kwethu konke?
-
8
|Deuteronomio 4:8|
Luluphi na uhlanga olukhulu olunemimiselo namasiko anobulungisa, njengalo myalelo wonke ndiwubekayo phambi kwenu namhla?
-
9
|Deuteronomio 4:9|
Kodwa zigcine, uwugcine umphefumlo wakho kunene, hleze uzilibale izinto azibonileyo amehlo akho; hleze zimke entliziyweni yakho yonke imihla yokuphila kwakho. Uze uzazise oonyana bakho, noonyana boonyana bakho;
-
10
|Deuteronomio 4:10|
ngokukodwa umhla owema ngawo phambi koYehova uThixo wakho eHorebhe, akuthi uYehova kum, babizele ndawonye kum abantu, ndibavise amazwi am, ukuze bafunde ukundoyika yonke imihla abaphila ngayo emhlabeni, bafundise noonyana babo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10