-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Deuteronomio 4:11|
Nasondela, nema phantsi kwentaba, intaba isitsha ngumlilo wada wesa esazulwini sezulu, ibubumnyama bamafu nesithokothoko.
-
12
|Deuteronomio 4:12|
Wathetha uYehova kuni ephakathi komlilo; nasiva isandisa mazwi, anabona mbonakalo, yaba sisandi sodwa.
-
13
|Deuteronomio 4:13|
Wanixelela umnqophiso wakhe, awaniwisela umthetho ngawo ukuba niwenze, amazwi alishumi; wawabhala emacwecweni amabini amatye.
-
14
|Deuteronomio 4:14|
Wandiwisela umthetho uYehova ngelo xesha, ukuba ndinifundise imimiselo namasiko, ukuba niwenze elizweni eniwelela kulo ukuba nilime.
-
15
|Deuteronomio 4:15|
Zigcineni kunene ngenxa yemiphefumlo yenu, ngokuba anibonanga mbonakalo yanto, mini wathetha uYehova kuni eHorebhe phakathi komlilo;
-
16
|Deuteronomio 4:16|
hleze nizonakalise, nizenzele umfanekiso oqingqiweyo, imbonakalo yento efana nokuba yiyiphi: into emilise okwendoda nokwenkazana,
-
17
|Deuteronomio 4:17|
into emilise okwento yonke ezitho zine esemhlabeni, into emilise okwentaka yonke enamaphiko, ephaphazela esibhakabhakeni,
-
18
|Deuteronomio 4:18|
into emilise okwesinambuzane sonke esisemhlabeni, into emilise okweentlanzi zonke ezisemanzini phantsi komhlaba;
-
19
|Deuteronomio 4:19|
hleze uwaphakamisele ezulwini amehlo akho, ubone ilanga nenyanga neenkwenkwezi, wonke umkhosi wasezulwini, uwexulwe, uzinqule, uzikhonze, ezo uYehova uThixo wakho azabele izizwe zonke phantsi kwezulu lonke.
-
20
|Deuteronomio 4:20|
Ke nina unithabathile uYehova, wanikhupha kwiziko lesinyithi eYiputa, ukuba nibe ngabantu abalilifa kuye, njengoko ninjalo namhla.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10