-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Deuteronomio 13:1|
Xa kuthe kwavela phakathi kwakho umprofeti nomphuphi wamaphupha, wakunika imiqondiso nezimanga,
-
2
|Deuteronomio 13:2|
yabakho ke imiqondiso nezimanga azithethileyo kuwe, esithi, Masilandele thixo bambi ongabaziyo, sibakhonze:
-
3
|Deuteronomio 13:3|
uze ungawaphulaphuli amazwi aloo mprofeti naloo mphuphi wamaphupha; ngokuba kusukuba enilinga uYehova uThixo wenu, ukuze azi ukuba niyamthanda na uYehova uThixo wenu ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke.
-
4
|Deuteronomio 13:4|
Nize nilandele uYehova uThixo wenu, noyike yena, nigcine imithetho yakhe, niphulaphule ilizwi lakhe, nikhonze yena, ninamathele kuye.
-
5
|Deuteronomio 13:5|
Ke loo mprofeti naloo mphuphi wamaphupha makabulawe; kuba ethethe elokutyeka kuYehova uThixo wenu, owanikhuphayo ezweni laseYiputa, wanikhulula ngentlawulelo endlwini yobukhoboka; ukuba akuwexule endleleni, akuwisele umthetho ngayo uYehova uThixo wakho ukuba uhambe ngayo. Uze ubutshayele ke ububi, bungabikho phakathi kwakho.
-
6
|Deuteronomio 13:6|
Xa athe umzalwana wakho, umntakanyoko, nonyana wakho, nentombi yakho, nomfazi wesifuba sakho, nommelwane wakho onjengomphefumlo wakho kuwe, wakuhenda ngasese, esithi, Masiye kukhonza thixo bambi ongabazanga, wena nooyihlo;
-
7
|Deuteronomio 13:7|
koothixo bezizwe eziningqongileyo, ezikufuphi kuwe, nokuba zezikude nawe, ezithabathele esiphelweni sehlabathi, zada zesa esiphelweni sehlabathi:
-
8
|Deuteronomio 13:8|
uze ungavumelani naye, ungamphulaphuli; lingabi nanceba iliso lakho kuye, ungamcongi, ungamfihli; uze umbulale afe.
-
9
|Deuteronomio 13:9|
Kofika esakho isandla kuye kuqala ukuba simbulale, kwandule ukufika esabantu bonke isandla emva koko,
-
10
|Deuteronomio 13:10|
umxulube ngamatye afe; ngokuba efune ukukuwexula kuYehova uThixo wakho, owakukhuphayo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10