-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Deuteronomio 1:1|
Ngawo la ke amazwi, awawathethayo uMoses kumaSirayeli onke phesheya kweYordan entlango, eArabha, malungana noLwandle oluBomvu, phakathi kweParan, neTofele, neLabhan, neHatseroti, neDizahabhi.
-
2
|Deuteronomio 1:2|
Ziintsuku ezilishumi elinalunye ukusuka eHorebhe ngendlela yentaba yakwaSehire, ukuya eKadeshe-bharneha.
-
3
|Deuteronomio 1:3|
Ngomnyaka wamashumi omane, ngenyanga yeshumi elinanye, ngolokuqala enyangeni leyo, wathetha uMoses koonyana bakaSirayeli ngako konke uYehova abemwisele umthetho ngako kubo.
-
4
|Deuteronomio 1:4|
Emveni kokumbulala kwakhe uSihon ukumkani wama-Amori, obemi eHeshbhon, no-Ogi ukumkani waseBhashan, obemi eAshtaroti nase-Edreyi,
-
5
|Deuteronomio 1:5|
phesheya kweYordan ezweni lakwaMowabhi, waqala uMoses ukubaqononondisa lo myalelo, esithi:
-
6
|Deuteronomio 1:6|
UYehova uThixo wethu wathetha kuthi eHorebhe, wathi, Kukade nihleli kule ntaba.
-
7
|Deuteronomio 1:7|
Jikani ninduluke, niye entabeni yama-Amori, nakubo bonke abamelene nayo, eArabha, ezintabeni, nasesihlanjeni, nakwelasezantsi, nangaselwandle, ezweni lamaKanan, naseLebhanon, nide nise kuwo umlambo omkhulu, umlambo ongumEfrati.
-
8
|Deuteronomio 1:8|
Khangelani, ndinisikele ilizwe. Ngenani, nakhe kwelo zwe wafungayo uYehova kooyihlo, ooAbraham noIsake noYakobi, ukuba wolinika bona, nembewu yabo emva kwabo.
-
9
|Deuteronomio 1:9|
Ndathi kuni ngelo xesha, Andinakunithwala ndedwa.
-
10
|Deuteronomio 1:10|
UYehova uThixo wenu unandisile; nanku namhla ningangeenkwenkwezi zezulu ukuba baninzi kwenu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10