-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
5
|Deuteronomio 2:5|
Ize ningabambani nabo; kuba ezweni labo andiyi kuninika nendawo engangokunyathela kwentende yonyawo; ngokuba ndimnikile uEsawu intaba yakwaSehire ukuba ayime.
-
6
|Deuteronomio 2:6|
Ukudla nokuthenga kubo ngemali, nidle; namanzi nowemba kubo ngemali, nisele.
-
7
|Deuteronomio 2:7|
Kuba uYehova, uThixo wakho, ukusikelele emsebenzini wonke wesandla sakho. Uyakwazi ukuyihamba kwakho le ntlango inkulu; le minyaka imashumi mane uYehova uThixo wakho unawe, akuswelanga nto.
-
8
|Deuteronomio 2:8|
Segqitha ke kubazalwana bethu, oonyana bakaEsawu, abemiyo kwaSehire, saphambuka endleleni yeArabha, e-Elati nase-Etsiyon-gebhere. Sajika ke, sadlula ngendlela yentlango yakwaMowabhi.
-
9
|Deuteronomio 2:9|
Wathi uYehova kum, Uze ungawabandezeli amaMowabhi, uze ungabambani nawo ulwe nawo; kuba andiyi kukunika nto yelizwe lawo uyihluthe; kuba iAre ndiyinike oonyana bakaLote, ukuba bayime.
-
10
|Deuteronomio 2:10|
AmaEma ayemi kulo kudala, engabantu abakhulu, abaninzi, abade njengama-Anaki.
-
11
|Deuteronomio 2:11|
Bekusithiwa ngamaRafa nawo, njengama-Anaki; ke amaMowabhi athi ngamaEma.
-
12
|Deuteronomio 2:12|
NakwaSehire bekumi amaHori kudala; koko oonyana bakaEsawu bawagqogqa, bawatshabalalisa ebusweni babo, bahlala esikhundleni sawo, njengoko akwenzayo amaSirayeli ezweni lelifa lawo, abelinikwe nguYehova.
-
13
|Deuteronomio 2:13|
Ndathi ke, Ndulukani ngoku, niwele umlanjana weZerede; sawuwela ke umlanjana weZerede.
-
14
|Deuteronomio 2:14|
Imihla yokuhamba kwethu, sisuka eKadeshe-bharneha side siwele umlanjana weZerede, yaba yiminyaka emashumi mathathu anesibhozo; sada saphela sonke eso sizukulwana samadoda okulwa phakathi komkhosi, njengoko uYehova wawafungelayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19