- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									5
									 
									 
									|Deuteronomio 2:5|
									Ize ningabambani nabo; kuba ezweni labo andiyi kuninika nendawo engangokunyathela kwentende yonyawo; ngokuba ndimnikile uEsawu intaba yakwaSehire ukuba ayime.									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Deuteronomio 2:6|
									Ukudla nokuthenga kubo ngemali, nidle; namanzi nowemba kubo ngemali, nisele.									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Deuteronomio 2:7|
									Kuba uYehova, uThixo wakho, ukusikelele emsebenzini wonke wesandla sakho. Uyakwazi ukuyihamba kwakho le ntlango inkulu;  le minyaka imashumi mane uYehova uThixo wakho unawe,  akuswelanga nto.									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Deuteronomio 2:8|
									Segqitha ke kubazalwana bethu, oonyana bakaEsawu, abemiyo kwaSehire, saphambuka endleleni yeArabha, e-Elati nase-Etsiyon-gebhere. Sajika ke, sadlula ngendlela yentlango yakwaMowabhi.									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Deuteronomio 2:9|
									Wathi uYehova kum, Uze ungawabandezeli amaMowabhi, uze ungabambani nawo ulwe nawo; kuba andiyi kukunika nto yelizwe lawo uyihluthe; kuba iAre ndiyinike oonyana bakaLote, ukuba bayime.									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Deuteronomio 2:10|
									AmaEma ayemi kulo kudala, engabantu abakhulu, abaninzi,  abade njengama-Anaki.									
									    
								 
- 
									
									11
									 
									 
									|Deuteronomio 2:11|
									Bekusithiwa ngamaRafa nawo, njengama-Anaki; ke amaMowabhi athi ngamaEma.									
									    
								 
- 
									
									12
									 
									 
									|Deuteronomio 2:12|
									NakwaSehire bekumi amaHori kudala; koko oonyana bakaEsawu bawagqogqa, bawatshabalalisa ebusweni babo, bahlala esikhundleni sawo, njengoko akwenzayo amaSirayeli ezweni lelifa lawo, abelinikwe nguYehova.									
									    
								 
- 
									
									13
									 
									 
									|Deuteronomio 2:13|
									Ndathi ke, Ndulukani ngoku, niwele umlanjana weZerede;  sawuwela ke umlanjana weZerede.									
									    
								 
- 
									
									14
									 
									 
									|Deuteronomio 2:14|
									Imihla yokuhamba kwethu, sisuka eKadeshe-bharneha side siwele umlanjana weZerede, yaba yiminyaka emashumi mathathu anesibhozo; sada saphela sonke eso sizukulwana samadoda okulwa phakathi komkhosi, njengoko uYehova wawafungelayo.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 14-15