-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
25
|Deuteronomio 2:25|
Ngale mini ndiya kuqala ukubeka ukunkwantya ngawe nokoyikeka kwakho phezu kwabantu abaphantsi kwezulu lonke, abaya kuluva udaba lwakho bagungqe, bazibhijabhije ngenxa enawe.
-
26
|Deuteronomio 2:26|
Ndasusa abathunywa entlango yeKedemoti, baya kuSihon ukumkani waseHeshbhon, benamazwi oxolo okuthi, Ndiyeke ndicande ezweni lakho.
-
27
|Deuteronomio 2:27|
Ndohamba ngendlela le yodwa; andiyi kuthi gu bucala ndiye ekunene nasekhohlo.
-
28
|Deuteronomio 2:28|
Ukudla wondithengela ngemali ndidle, namanzi wondinika ngemali ndisele, ndihambe nje kodwa ngeenyawo;
-
29
|Deuteronomio 2:29|
njengoko benza ngako kum oonyana bakaEsawu abemiyo kwaSehire, namaMowabhi abemiyo eAre; ndide ndiwele iYordan, ndiye ezweni asinikayo uYehova uThixo wethu.
-
30
|Deuteronomio 2:30|
Akavuma uSihon ukumkani weHeshbhon, ukuba sicande kuye, ngokuba uYehova uThixo wakho wamqinisa isibindi, wayenza ingqoshomba intliziyo yakhe, ukuze amnikele esandleni sakho, njengokuba kunjalo namhla.
-
31
|Deuteronomio 2:31|
Wathi uYehova kum, Yabona, ndiqalile ukumnikela kuwe uSihon nelizwe lakhe; qala ukulihlutha, ulidle ilifa ilizwe lakhe.
-
32
|Deuteronomio 2:32|
Waphuma ke uSihon wasihlangabeza, yena nabantu bakhe bonke, eza kulwa eYatsa.
-
33
|Deuteronomio 2:33|
UYehova uThixo wethu wamnikela kuthi; sambulala, yena noonyana bakhe, nabantu bakhe bonke.
-
34
|Deuteronomio 2:34|
Sayithimba yonke imizi yakhe ngelo xesha, sawasingela phantsi amadoda emizi yonke, nabafazi, nabantwana; asasalisa namnye usindayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19