-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
8
|Deuteronomio 3:8|
Salithabatha ke ngelo xesha ilizwe esandleni sookumkani bobabini bama-Amori, elingaphonoshono kweYordan, lisusela kumlanjana oyiArnon, lada lesa entabeni yeHermon
-
9
|Deuteronomio 3:9|
(amaTsidon athi iHermon leyo yiSiriyon, ke ama-Amori athi yiSenire),
-
10
|Deuteronomio 3:10|
yonke imizi yehewu, neyelaseGiliyadi lonke, neBhashan yonke, kwada kwesa eSaleka ne-Edreyi, imizi yobukumkani bukaOgi eBhashan.
-
11
|Deuteronomio 3:11|
Ngokuba nguOgi yedwa, ukumkani waseBhashan, impunde eyayisele kumaRafa. Nantso ikoyi yakhe, ikoyi yentsimbi; asiyiyo na leya iseRabha yakoonyana baka-Amon? Iziikubhite ezisithoba ubude bayo, iziikubhite ezine ububanzi bayo, ngokwekubhite yabantu.
-
12
|Deuteronomio 3:12|
Elo lizwe salihlutha ngelo xesha, sithabathela eArohere ekumlanjana oyiArnon; nesiqingatha sentaba yeGiliyadi, nemizi yayo ndayinika amaRubhen namaGadi.
-
13
|Deuteronomio 3:13|
Amasalela aseGiliyadi naweBhashan yonke, ubukumkani bukaOgi, ndawanika isiqingatha sesizwe sikaManase; wonke ummandla weArgobhi neBhashan yonke, leyo bekusithiwa lilizwe lamaRafa.
-
14
|Deuteronomio 3:14|
UYahire, unyana kaManase, wathabatha wonke ummandla weArgobhi, wada wesa emdeni wamaGeshuri namaMahakati, wawubiza ngegama lakhe, wathi iBhashan yiHavoti-yahire, unanamhla.
-
15
|Deuteronomio 3:15|
UMakire ndamnika elaseGiliyadi.
-
16
|Deuteronomio 3:16|
AmaRubhen namaGadi ndawanika, ndithabathela kwelaseGiliyadi, ndada ke ndesa kumlanjana oyiArnon, empholokhohlweni wesihlambo, naloo mmandla waso, ndada ndesa naseYabhoki emlanjaneni, emdeni woonyana baka-Amon;
-
17
|Deuteronomio 3:17|
neArabha, neYordan nommandla wayo, ndithabathela eKinerete, ndada ndesa elwandle lweArabha, uLwandle lweTyuwa, phantsi kwamaxandeka ePisga ngasempumalanga.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7