-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Deuteronomio 4:9|
Kodwa zigcine, uwugcine umphefumlo wakho kunene, hleze uzilibale izinto azibonileyo amehlo akho; hleze zimke entliziyweni yakho yonke imihla yokuphila kwakho. Uze uzazise oonyana bakho, noonyana boonyana bakho;
-
10
|Deuteronomio 4:10|
ngokukodwa umhla owema ngawo phambi koYehova uThixo wakho eHorebhe, akuthi uYehova kum, babizele ndawonye kum abantu, ndibavise amazwi am, ukuze bafunde ukundoyika yonke imihla abaphila ngayo emhlabeni, bafundise noonyana babo.
-
11
|Deuteronomio 4:11|
Nasondela, nema phantsi kwentaba, intaba isitsha ngumlilo wada wesa esazulwini sezulu, ibubumnyama bamafu nesithokothoko.
-
12
|Deuteronomio 4:12|
Wathetha uYehova kuni ephakathi komlilo; nasiva isandisa mazwi, anabona mbonakalo, yaba sisandi sodwa.
-
13
|Deuteronomio 4:13|
Wanixelela umnqophiso wakhe, awaniwisela umthetho ngawo ukuba niwenze, amazwi alishumi; wawabhala emacwecweni amabini amatye.
-
14
|Deuteronomio 4:14|
Wandiwisela umthetho uYehova ngelo xesha, ukuba ndinifundise imimiselo namasiko, ukuba niwenze elizweni eniwelela kulo ukuba nilime.
-
15
|Deuteronomio 4:15|
Zigcineni kunene ngenxa yemiphefumlo yenu, ngokuba anibonanga mbonakalo yanto, mini wathetha uYehova kuni eHorebhe phakathi komlilo;
-
16
|Deuteronomio 4:16|
hleze nizonakalise, nizenzele umfanekiso oqingqiweyo, imbonakalo yento efana nokuba yiyiphi: into emilise okwendoda nokwenkazana,
-
17
|Deuteronomio 4:17|
into emilise okwento yonke ezitho zine esemhlabeni, into emilise okwentaka yonke enamaphiko, ephaphazela esibhakabhakeni,
-
18
|Deuteronomio 4:18|
into emilise okwesinambuzane sonke esisemhlabeni, into emilise okweentlanzi zonke ezisemanzini phantsi komhlaba;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7