-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
19
|Deuteronomio 4:19|
hleze uwaphakamisele ezulwini amehlo akho, ubone ilanga nenyanga neenkwenkwezi, wonke umkhosi wasezulwini, uwexulwe, uzinqule, uzikhonze, ezo uYehova uThixo wakho azabele izizwe zonke phantsi kwezulu lonke.
-
20
|Deuteronomio 4:20|
Ke nina unithabathile uYehova, wanikhupha kwiziko lesinyithi eYiputa, ukuba nibe ngabantu abalilifa kuye, njengoko ninjalo namhla.
-
21
|Deuteronomio 4:21|
Phezu koko uYehova wandifuthela ngenxa yamazwi enu, wafunga ukuba andiyi kuyiwela iYordan, andiyi kungena ezweni elihle akunikayo uYehova uThixo wakho, ukuba libe lilifa;
-
22
|Deuteronomio 4:22|
kuba ndiya kufela kweli lizwe, andiyiweli iYordan. Ke nina niya kuwela, nilime elo lizwe lihle.
-
23
|Deuteronomio 4:23|
Zigcineni, hleze niwulibale umnqophiso kaYehova uThixo wenu, awawenzayo nani, nizenzele umfanekiso oqingqiweyo, imbonakalo yezinto zonke awakuwisela umthetho ngazo uYehova uThixo wakho.
-
24
|Deuteronomio 4:24|
Ngokuba uYehova uThixo wakho ungumlilo odlayo, unguThixo onekhwele.
-
25
|Deuteronomio 4:25|
Xa uthe wazala abantwana nabantwana babantwana, kwada kwaba kudala nihleli kwelo zwe, nazonakalisa, nenza umfanekiso oqingqiweyo, imbonakalo yento nokuba yiyiphi, nenza okubi emehlweni kaYehova uThixo wenu, namqumbisa:
-
26
|Deuteronomio 4:26|
ndingqinisisa amazulu nehlabathi namhla ngani, ukuba nodaka mpela kamsinya, ningabikho kwelo zwe, niwela iYordan nisiya kulo ukuba nilime; anisayi kuyolula imihla yenu kulo, notshabalala kube kanye.
-
27
|Deuteronomio 4:27|
Woniphangalalisa uYehova phakathi kwezizwe, nisale nibantu bambalwa ezintlangeni, apho uYehova aya kuni qhubela khona;
-
28
|Deuteronomio 4:28|
nikhonze khona oothixo abangumsebenzi wezandla zomntu, imithi namatye, abangaboniyo, abangeviyo, abangadliyo, abangajojiyo;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7