-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
39
|Deuteronomio 4:39|
Yazi ke namhla, ukunyamekele ngentliziyo yakho, ukuba uYehova nguye uThixo emazulwini phezulu, nasehlabathini phantsi; akukho wumbi;
-
40
|Deuteronomio 4:40|
uyigcine imimiselo yakhe, nemithetho yakhe, endikumisela yona namhla, ukuba kulunge kuwe, nakoonyana bakho emva kwakho, ukuze uyolule imihla yakho emhlabeni, lowo akunika wona uYehova uThixo wakho imihla yonke.
-
41
|Deuteronomio 4:41|
Waza uMoses wahlula imizi yamithathu ngaphonoshono kweYordan ngasempumalanga, ukuba asabele khona umbulali
-
42
|Deuteronomio 4:42|
obulele ummelwane wakhe ngengozi, ebengamthiyile ngaphambili; asabele ke komnye waloo mizi, aphile:
-
43
|Deuteronomio 4:43|
iBhetsere, entlango ezweni lehewu kumaRubhen; iRamoti, kwelaseGiliyadi kumaGadi; iGolan, eBhashan kumaManase.
-
44
|Deuteronomio 4:44|
Nguwo lo umyalelo awawubekayo uMoses phambi koonyana bakaSirayeli.
-
45
|Deuteronomio 4:45|
Zizo ezi izingqino nemimiselo namasiko awawathethayo uMoses koonyana bakaSirayeli, ekuphumeni kwabo eYiputa,
-
46
|Deuteronomio 4:46|
ngaphonoshono kweYordan, emfuleni omalunga neBhete-pehore, ezweni lakwaSihon, ukumkani wama-Amori, obemi eHeshbhon, abambulalayo ooMoses noonyana bakaSirayeli ekuphumeni kwabo eYiputa;
-
47
|Deuteronomio 4:47|
balihlutha ilizwe lakhe, nelizwe likaOgi ukumkani waseBhashan, ookumkani ababini bama-Amori ababengaphonoshono kweYordan ngasempumalanga;
-
48
|Deuteronomio 4:48|
bathabathela eArohere, engaseludinini lomlanjana oyiArnon, bada besa entabeni yeSiyon eyiHermon,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7