-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
10
|Deuteronomio 5:10|
ndiwenzela inceba amawaka abandithandayo, abayigcinayo imithetho yam.
-
11
|Deuteronomio 5:11|
Uze ungafumane ulibize igama likaYehova uThixo wakho, kuba uYehova akayikumenza omsulwa, ofumana alibize igama lakhe.
-
12
|Deuteronomio 5:12|
Gcina umhla wesabatha, ukuba wungcwalise, njengoko wakuwisela umthetho uYehova uThixo wakho.
-
13
|Deuteronomio 5:13|
Wosebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho;
-
14
|Deuteronomio 5:14|
ke wona umhla wesixhenxe uyisabatha kaYehova uThixo wakho. Uze ungenzi namnye umsebenzi, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nenkomo yakho, ne-esile lakho, neento zakho zonke ezizitho zine, nowasemzini osemasangweni akho, ukuze siphumle isicaka sakho nesicakakazi sakho, njengawe;
-
15
|Deuteronomio 5:15|
ukhumbule ukuba ube ulikhoboka ezweni laseYiputa, wakukhupha khona uYehova uThixo wakho ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo; ngenxa yoko ukuwisele umthetho uYehova uThixo wakho, ukuba uwugcine umhla wesabatha.
-
16
|Deuteronomio 5:16|
Beka uyihlo nonyoko, njengoko akuwisele umthetho uYehova uThixo wakho, ukuze yolulwe imihla yakho, nokuze kulunge kuwe emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho.
-
17
|Deuteronomio 5:17|
Uze ungabulali.
-
18
|Deuteronomio 5:18|
Uze ungakrexezi.
-
19
|Deuteronomio 5:19|
Uze ungebi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7