-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
30
|Deuteronomio 5:30|
Yiya, uthi kubo, Buyelani ezintenteni zenu.
-
31
|Deuteronomio 5:31|
Ke wena, yima apha ngakum, ndiyithethe kuwe yonke imithetho nemimiselo namasiko, owobafundisa wona, bawenze ezweni elo ndibanika lona, ukuba balime.
-
32
|Deuteronomio 5:32|
Nize nizigcine ukuba nenze njengoko uYehova uThixo wenu waniwisela umthetho, ningatyekeli ekunene nasekhohlo.
-
33
|Deuteronomio 5:33|
Hambani ngeendlela zonke awaniwisela umthetho ngazo uYehova uThixo wenu, ukuze niphile; kulunge kuni, niyolule imihla ezweni eloniya kulima.
-
1
|Deuteronomio 6:1|
Nguwo lo umthetho, imimiselo ke kwanamasiko, awaniwiselayo uYehova uThixo wenu, ukuba niwufundiswe, niwenze ezweni elo niwelela kulo ukuba nilime;
-
2
|Deuteronomio 6:2|
ukuze umoyike uYehova uThixo wakho, uyigcine yonke imimiselo yakhe nemithetho yakhe endikuwiselayo, wena nonyana wakho, nonyana wonyana wakho, yonke imihla yobomi bakho, ukuze yolulwe imihla yakho.
-
3
|Deuteronomio 6:3|
Yiva ke, Sirayeli, ugcine ukwenza, ukuze kulunge kuwe, ukuze nande kunene ezweni elibaleka amasi nobusi, njengokuba uYehova, uThixo wooyihlo, akuthethileyo kuwe.
-
4
|Deuteronomio 6:4|
Yiva, Sirayeli: uYehova uThixo wethu nguYehova mnye.
-
5
|Deuteronomio 6:5|
Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke, nangamandla akho onke.
-
6
|Deuteronomio 6:6|
La mazwi ndikuwisela umthetho ngawo namhlanje, aze abe sentliziyweni yakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7