-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
17
|Deuteronomio 6:17|
Nize niyigcine niyigcinile imithetho kaYehova uThixo wenu, nezingqino zakhe, nemimiselo yakhe, awakuwiselayo; wenze okuthe tye,
-
18
|Deuteronomio 6:18|
okulungileyo emehlweni kaYehova; ukuze kulunge kuwe, ungene ulime ilizwe elihle, awalifungela ooyihlo uYehova,
-
19
|Deuteronomio 6:19|
ukuba azigxothe iintshaba zakho zonke ebusweni bakho, njengoko wathethayo uYehova.
-
20
|Deuteronomio 6:20|
Xa athe unyana wakho wakubuza ngomso, esithi, Zezani na ezi zingqino nemimiselo namasiko, aniwiseleyo uYehova uThixo wethu?
-
21
|Deuteronomio 6:21|
wothi kunyana wakho, Sibe singamakhoboka kaFaro eYiputa; wasikhupha uYehova eYiputa ngesandla esithe nkqi;
-
22
|Deuteronomio 6:22|
uYehova wenza eYiputa imiqondiso nezimanga ezikhulu, ezibi, kuFaro, nasendlwini yakhe yonke, emehlweni ethu;
-
23
|Deuteronomio 6:23|
wasikhupha khona, ukuze asingenise, ukuba asinike ilizwe elo abelifungele oobawo.
-
24
|Deuteronomio 6:24|
Wasiwisela umthetho uYehova, ukuba siyenze le mimiselo yonke, ukuba simoyike uYehova uThixo wethu, kulunge kuthi yonke imihla, silondolozelwe ebomini, njengoko kunjalo namhla.
-
25
|Deuteronomio 6:25|
Koba bubulungisa kuthi, xa sithe sagcina ukuwenza wonke lo mthetho phambi koYehova uThixo wethu, njengoko wasiwiselayo umthetho.
-
1
|Deuteronomio 7:1|
Xa athe uYehova uThixo wakho wakungenisa kulo ilizwe, oya kulo ukuba ulime, wanyothula iintlanga ezininzi ebusweni bakho, amaHeti, namaGirgashi, nama-Amori, namaKanan, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, iintlanga ezisixhenxe, zizininzi, zinamandla kunawe,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7