-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
12
|Deuteronomio 7:12|
Kothi ke ngenxa enokuba nithe naweva la mabango, nawagcina, nawenza, akugcinele umnqophiso nenceba uYehova uThixo wakho, awawufunga kooyihlo;
-
13
|Deuteronomio 7:13|
akuthande, akusikelele, akwandise, asikelele nesiqhamo sesizalo sakho, neziqhamo zomhlaba wakho, ingqolowa yakho, newayini yakho entsha, neoli yakho, nenkonyana yenkomo yakho, netakane lempahla yakho emfutshane, emhlabeni lowo wawufungela ooyihlo ukuba wokunika.
-
14
|Deuteronomio 7:14|
Wosikeleleka ngaphezu kwezizwe zonke; akusayi kubakho nto ingazaliyo, nokuba yindoda nokuba ngumfazi kuwe; nasezinkomeni zakho ayisayi kubakho.
-
15
|Deuteronomio 7:15|
UYehova wosusa zonke izifo kuwe; nobulwelwe bonke obubi baseYiputa, obo ubaziyo, akayi kububeka kuwe; uya kububeka kubo bonke abakuthiyayo.
-
16
|Deuteronomio 7:16|
Uze uzidle zonke izizwe ezo akunikayo uYehova uThixo wakho; iliso lakho lingabi nanceba kuzo, ungabakhonzi oothixo bazo; ngokuba ngumgibe lowo kuwe.
-
17
|Deuteronomio 7:17|
Xa uthe entliziyweni yakho, Ezi ntlanga zininzi kunam, ndinokuthini na ukuzigqogqa?
-
18
|Deuteronomio 7:18|
uze ungazoyiki. Khumbula kakuhle awakwenzayo uYehova uThixo wakho kuFaro nakumaYiputa onke;
-
19
|Deuteronomio 7:19|
izilingo ezikhulu azibonileyo amehlo akho, nemiqondiso, nezimanga, nesandla esithe nkqi, nengalo eyolukileyo, awakukhupha ngazo uYehova uThixo wakho. Uya kwenjenjalo uYehova uThixo wakho kuzo zonke izizwe ozoyikayo.
-
20
|Deuteronomio 7:20|
Ngaphezu koko, uYehova uThixo wakho uya kuthuma oonomeva kuzo, zide ezo ziselayo, zizisithelisayo ebusweni bakho, zibhubhe.
-
21
|Deuteronomio 7:21|
Uze ungangcangcazeli ebusweni bazo; ngokuba uYehova uThixo wakho phakathi kwakho nguThixo omkhulu, owoyikekayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7