-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
18
|Deuteronomio 3:18|
Ndaniwisela umthetho ngelo xesha, ndisithi, UYehova uThixo wenu uninike eli lizwe ukuba nilihluthe. Welani nixhobile phambi kwabazalwana benu, oonyana bakaSirayeli, nonke nina bafo banobukroti.
-
19
|Deuteronomio 3:19|
Kodwa abafazi benu, nabantwana benu, nemfuyo yenu (ndiyazi ukuba ninemfuyo eninzi), mabahlale emizini yenu endininike yona;
-
20
|Deuteronomio 3:20|
ade uYehova abaphumze abazalwana benu njengani, balime nabo ilizwe elo abanika lona uYehova uThixo wenu phesheya kweYordan; nibuyele ke elowo elifeni lakhe endininike lona.
-
21
|Deuteronomio 3:21|
UYoshuwa ndamwisela umthetho ngelo xesha, ndisithi, Amehlo akho akubonile konke oku akwenzileyo uYehova uThixo wenu kwaba kumkani bobabini; uya kwenjenjalo ke uYehova kwizikumkani zonke owelela kuzo.
-
22
|Deuteronomio 3:22|
Ize ningaboyiki; ngokuba uYehova uThixo wenu nguye onilwelayo.
-
23
|Deuteronomio 3:23|
Ndatarhuzisa kuYehova ngelo xesha, ndisithi,
-
24
|Deuteronomio 3:24|
Nkosi yam, Yehova, uqalile ukumbonisa umkhonzi wakho ubukhulu bakho, nesandla sakho esithe nkqi; ngokuba nguwuphi na uthixo emazulwini nasehlabathini, ongenza ngokwezenzo zakho, nangokwemisebenzi yakho yobugorha?
-
25
|Deuteronomio 3:25|
Makhe ndiwele kaloku, ndilibone ilizwe elo lihle, liphesheya kweYordan, loo ntaba intle, neLebhanon.
-
26
|Deuteronomio 3:26|
Wandiphuphumela uYehova ngomsindo ngenxa yenu, akandiphulaphula; wathi uYehova kum, Yanela, musa ukuba saphinda uthethe kum ngale ndawo.
-
27
|Deuteronomio 3:27|
Nyuka uye encotsheni yePisga, uphose amehlo akho entshonalanga, nasentla, nasezantsi, nasempumalanga, ulikhangele ngamehlo; ngokuba akuyi kuyiwela le Yordan.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7