- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									15
									 
									 
									|Deuteronomio 2:15|
									Saye kananjalo isandla sikaYehova siphezu kwawo, ukuba adutywadutywe phakathi komkhosi ade agqitywe.									
									    
								 
- 
									
									16
									 
									 
									|Deuteronomio 2:16|
									Kwathi, xenikweni onke amadoda okulwa ayegqityiwe, afa phakathi kwabantu,									
									    
								 
- 
									
									17
									 
									 
									|Deuteronomio 2:17|
									wathetha uYehova kum, esithi,									
									    
								 
- 
									
									18
									 
									 
									|Deuteronomio 2:18|
									Namhla uya kugqitha emdeni wakwaMowabhi oyiAre,									
									    
								 
- 
									
									19
									 
									 
									|Deuteronomio 2:19|
									usondele malungana noonyana baka-Amon. Uze ungababandezeli,  uze ungabambani nabo; kuba ezweni loonyana baka-Amon andiyi kukunika ndawo yakuma; ngokuba ndilinike oonyana bakaLote ukuba limiwe ngabo.									
									    
								 
- 
									
									20
									 
									 
									|Deuteronomio 2:20|
									Bekusithiwa lilizwe lamaRafa nalo. Bekumi amaRafa khona kudala; ama-Amon athi ngamaZamzum;									
									    
								 
- 
									
									21
									 
									 
									|Deuteronomio 2:21|
									engabantu abakhulu, abaninzi, abade njengama-Anaki. UYehova wabatshabalalisa ebusweni babo; babagqogqa, bema esikhundleni sabo;									
									    
								 
- 
									
									22
									 
									 
									|Deuteronomio 2:22|
									njengoko wabenzelayo oonyana bakaEsawu abemiyo kwaSehire,  wawatshabalalisa amaHori ebusweni babo, bawagqogqa, bema esikhundleni sawo unanamhla.									
									    
								 
- 
									
									23
									 
									 
									|Deuteronomio 2:23|
									Nama-Avi ayemi emizaneni, ada esa eGaza; amaKafetori,  awaphumayo kwelamaKafetori, awatshabalalisa, ema esikhundleni sawo.									
									    
								 
- 
									
									24
									 
									 
									|Deuteronomio 2:24|
									Sukani ninduluke, niwele umlanjana oyiArnon. Yabona,  ndimnikele esandleni sakho uSihon ukumkani waseHeshbhon,  umAmori, nelizwe lakhe. Qala ukulihlutha, ubambane naye, ulwe naye.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 14-15