-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
41
|Deuteronomio 1:41|
Naphendula, nathi kum, Sonile kuYehova; sonyuka thina, silwe njengako konke asiyalele ngako uYehova uThixo wethu. Naxhoba ke elowo impahla yakhe yokulwa, nenza buphuthuphuthu ukunyuka intaba.
-
42
|Deuteronomio 1:42|
Wathi uYehova kum, Yithi kubo, Ize ningenyuki, ize ningalwi; kuba andikhona phakathi kwenu; hleze nigxothwe ziintshaba zenu.
-
43
|Deuteronomio 1:43|
Ndathetha kuni, anaphulaphula; nawuphikisa umlomo kaYehova, nagxalathelana ukunyuka intaba.
-
44
|Deuteronomio 1:44|
Aphuma ke ama-Amori ami kuloo ntaba, anihlangabeza, anichitha, axelisa iinyosi, anibetha kwaSehire, ada esa eHorma.
-
45
|Deuteronomio 1:45|
Nabuya ke nalila phambi koYehova; akaliphulaphula uYehova izwi lenu, akanibekela ndlebe.
-
46
|Deuteronomio 1:46|
Ngoko ke nahlala eKadeshe imihla emininzi, njengaloo mihla nayihlalayo apho.
-
1
|Deuteronomio 2:1|
Sanduluka, sabheka entlango ngendlela eya eLwandle oluBomvu, njengoko uYehova wathetha kum, sayijikeleza intaba yakwaSehire imihla emininzi.
-
2
|Deuteronomio 2:2|
Wathetha uYehova kum, wathi,
-
3
|Deuteronomio 2:3|
Kukade niyijikeleza le ntaba; bhekani ngasentla,
-
4
|Deuteronomio 2:4|
ubawisele abantu umthetho uthi, Niya kugqitha nje emdeni wabazalwana benu, oonyana bakaEsawu, abemi kwaSehire. Baya kunoyika, ize nizilumkele ke kunene.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19