-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
14
|Deuteronomio 15:14|
Wompha umphe empahleni yakho emfutshane, nasesandeni sakho, nasesixovulelweni sakho; umnike into akusikelele ngayo uYehova uThixo wakho;
-
15
|Deuteronomio 15:15|
ukhumbule ukuba ube ulikhoboka ezweni laseYiputa, wakukhulula uYehova uThixo wakho; ngenxa yoko ndikuwisela umthetho ngale nto namhla.
-
16
|Deuteronomio 15:16|
Kothi, xa athe kuwe, Andimki kuwe; ngokuba ekuthanda wena nendlu yakho, ngokuba kulungile kuye ekuwe nje:
-
17
|Deuteronomio 15:17|
uthabathe ke inyatyhowa, umhlabe ngayo endlebeni iye kuma elucangweni, abe sisicaka kuwe ngonaphakade. Nakwisicakakazi sakho uze wenjenjalo.
-
18
|Deuteronomio 15:18|
Makunganqabi emehlweni akho ukumndulula kwakho ekhululekile kuwe; ngokuba kuwe unjengomqeshwa okuqeshwa kubini, ekukhonze iminyaka emithandathu nje: wokusikelela uYehova uThixo wakho ezintweni zonke ozenzayo.
-
19
|Deuteronomio 15:19|
Onke amazibulo athe azalwa ziinkomo zakho nayimpahla yakho emfutshane angamaduna, wowangcwalisa kuYehova uThixo wakho. Uze ungawasebenzisi amazibulo eenkomo zakho, ungawachebi amazibulo empahla yakho emfutshane.
-
20
|Deuteronomio 15:20|
Wowadlela phambi koYehova uThixo wakho iminyaka ngeminyaka, kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova, wena nendlu yakho.
-
21
|Deuteronomio 15:21|
Xa athe aba nesiphako, aziziqhwala, aziimfama, onke anesiphako esibi, uze ungawabingeleli kuYehova uThixo wakho.
-
22
|Deuteronomio 15:22|
Wowadlela emasangweni akho; oyinqambi nohlambulukileyo bofana ukuyidla into enjengebhadi nenjengexhama.
-
23
|Deuteronomio 15:23|
Ligazi lawo lodwa eningayi kulidla; woliphalazela emhlabeni njengamanzi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10