-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
32
|Deuteronomio 28:32|
Bonikwa bantu bambi oonyana bakho neentombi zakho, akhangele amehlo akho, aphelele kubo imini yonke, singabi namandla isandla sakho.
-
33
|Deuteronomio 28:33|
Isiqhamo somhlaba wakho, nokuxelenga kwakho konke, kodliwa ngabantu ongabaziyo, ucudiswe, uvikivwe kuphela yonke imihla;
-
34
|Deuteronomio 28:34|
ubhudiswe kukubona akubonayo amehlo akho.
-
35
|Deuteronomio 28:35|
UYehova wokubetha emadolweni nasemilenzeni ngamathumba amabi, ungabi nakuphiliswa kuwo, athabathele entendeni yonyawo lwakho ase elukakayini.
-
36
|Deuteronomio 28:36|
UYehova wokusa wena, nokumkani wakho othe wammisa phezu kwakho, eluhlangeni eningalwaziyo wena nooyihlo, ukhonze khona apho thixo bambi, imithi namatye;
-
37
|Deuteronomio 28:37|
ube ngummangaliso, nondaba-mlonyeni, nento yentsini, phakathi kwezizwe zonke athe uYehova wakuqhubela kuzo.
-
38
|Deuteronomio 28:38|
Wophuma nembewu eninzi uye entsimini, uvune into encinane; ngokuba iya kunqunquthwa ziinkumbi.
-
39
|Deuteronomio 28:39|
Wotyala izidiliya, uzisebenze, ungaseli wayini noko, ungavuni zidiliya; ngokuba ziya kudliwa ngukruxeshe.
-
40
|Deuteronomio 28:40|
Woba neminquma emideni yakho yonke, ungazithambisi ngeoli noko; ngokuba iminquma yakho iya kunyothulwa.
-
41
|Deuteronomio 28:41|
Wozala oonyana neentombi, ungabi nabo noko; ngokuba baya kuthinjwa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13