-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
10
|Job 17:10|
Kodwa nina nonke, buyani, khanize; Andiyi kufumana silumko phakathi kwenu.
-
11
|Job 17:11|
Imihla yam idlule, zijaciwe izigqibo zam, Amafa entliziyo yam.
-
12
|Job 17:12|
Bathi ubusuku yimini; Ukukhanya kusondele, xa kuza kuba mnyama.
-
13
|Job 17:13|
Ukuba ndithe ndathemba, ndithembe elabafileyo, indlu yam; Ndandlala umandlalo wam emnyameni;
-
14
|Job 17:14|
Ukuba ndithe kukubola, Ungubawo; Ndathi kwimpethu, Unguma, ungudade wethu:
-
15
|Job 17:15|
Liphi na ke ngoku ithemba lam? Ithemba lam, ngubani na owolibona?
-
16
|Job 17:16|
Liya kuhla liye emivalweni yelabafileyo, Xa siphumla kunye eluthulini.
-
1
|Job 18:1|
Waphendula uBhiledadi wakwaShuwa, wathi,
-
2
|Job 18:2|
Kunini na nikuzingela ukuthetha? Qondani, sothetha emveni koku.
-
3
|Job 18:3|
Yini na ukuba kuthiwe sinjengeenkomo, Sibe ziinqambi emehlweni akho?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Reyes 24-25