-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
14
|Job 20:14|
Isonka sakhe sibhuqukile emathunjini akhe, Yinyongo yamaphimpi embilinini wakhe.
-
15
|Job 20:15|
Uginye ubutyebi, wabuhlanza; Uyabukhupha esiswini sakhe uThixo.
-
16
|Job 20:16|
Womungunya ubuhlungu bamaphimpi, Lumbulale ulwimi lwenyushu.
-
17
|Job 20:17|
Akayi kubona mijelo, Milambo, zihlambo zobusi namasi.
-
18
|Job 20:18|
Ebuyisa awakuxelengayo, akakuginyi; Angavuyi ngangobutyebi aburhwebileyo.
-
19
|Job 20:19|
Kuba wabathi viki, wabalahla, abasweleyo; Waxhakamfula indlu, angayakhanga.
-
20
|Job 20:20|
Kuba engalwazanga uxolo esiswini sakhe, Akayi kusinda nezinto zakhe ezinqwenelekayo.
-
21
|Job 20:21|
Bekungekho nto isindayo emqaleni wakhe; Ngenxa yoku, aziyi kuhlala izinto zakhe ezilungileyo.
-
22
|Job 20:22|
Ekuzalisekeni kokumaneleyo ubandezelekile, Izandla zonke zabangento ziyamfikela.
-
23
|Job 20:23|
Kothi, ukuze sizaliswe isisu sakhe, UThixo athumele kuye ukuvutha komsindo wakhe, Awunise phezu kwakhe enyameni yakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10