-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
15
|Job 21:15|
Uyini na uSomandla, ukuba simkhonze? Kusinceda ntoni na ukumjoka?
-
16
|Job 21:16|
Yabona, azisesandleni sabo izinto zabo ezilungileyo; Iqhinga labangendawo malibe lee kum.
-
17
|Job 21:17|
Kukangaphi na ke isibane sabangendawo sicinywa? Kubafikela ukusindeka kwabo? Ababele uThixo izintya ngomsindo wakhe?
-
18
|Job 21:18|
Babe njengengca enqunqiweyo phambi komoya, Njengomququ ohlaselwa sisaqhwithi?
-
19
|Job 21:19|
Nithi, UThixo ububekela abantwana babo ubutshinga babo. Makabuphindezele kubo ngokwabo, bazi bona;
-
20
|Job 21:20|
Makayibone inkxwaleko yabo amehlo abo, Babusele ubushushu boSomandla.
-
21
|Job 21:21|
Ngokuba bayinanze ngani bona indlu yabo emva kwabo, Lakuqhitshulwa inani leenyanga zabo?
-
22
|Job 21:22|
Uya kufundiswa ukwazi uThixo na, Lowo ugweba abaphezulu?
-
23
|Job 21:23|
Omnye ufa emandleni okwakhe ukuphila, Onwabile kanye, echulumachile.
-
24
|Job 21:24|
Iimvaba zakhe zizele ngamasi, Nomongo wamathambo akhe utyebile.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10