-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Deuteronomio 28:11|
UYehova wokwandisela okulungileyo esiqhameni sesizalo sakho, nasesiqhameni sempahla yakho ezitho zine, nasesiqhameni somhlaba wakho, emhlabeni lowo awafungayo uYehova kooyihlo ukuba wokunika.
-
12
|Deuteronomio 28:12|
UYehova wokuvulela uvimba wakhe olungileyo, izulu lilinike imvula ilizwe lakho ngexesha layo, awusikelele wonke umsebenzi wesandla sakho, uboleke iintlanga ezininzi, ungaboleki kuzo wena.
-
13
|Deuteronomio 28:13|
UYehova wokwenza ube yintloko, ungabi ngumsila; ibe nguwe wedwa onyukayo, ungabi ngohlayo: xa uthe wayiphulaphula imithetho kaYehova uThixo wakho, endikuwiselayo namhla ukuba uyigcine, uyenze;
-
14
|Deuteronomio 28:14|
akwatyeka emazwini onke endiniwisela umthetho ngawo namhla, uye ekunene nasekhohlo, ukulandela thixo bambi, ubakhonze.
-
15
|Deuteronomio 28:15|
Ke Kothi, ukuba uyigcine uyenze imithetho yakhe nemimiselo yakhe endikuwiselayo namhla, zize phezu kwakho ezi ziqalekiso zonke zikufumane:
-
16
|Deuteronomio 28:16|
Woqalekiswa phakathi komzi, uqalekiswe emaphandleni;
-
17
|Deuteronomio 28:17|
iqalekiswe ingobozi yakho, nomkhombe wakho wokuxovulela intlama;
-
18
|Deuteronomio 28:18|
siqalekiswe isiqhamo sesizalo sakho, nesiqhamo somhlaba wakho, nenkonyana yenkomo yakho, namatakane empahla yakho emfutshane.
-
19
|Deuteronomio 28:19|
Woqalekiswa ekungeneni kwakho, uqalekiswe ekuphumeni kwakho.
-
20
|Deuteronomio 28:20|
UYehova wokuthumela isiqalekiso, nokudungwadungwa, nokukhalinyelwa ezintweni zonke osa isandla sakho kuzo, ude utshabalale, ude ubhubhekuphele, ngenxa yobubi beentlondi zakho zokuba undishiyile.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7