-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
61
|Deuteronomio 28:61|
Nazo zonke izifo nezibetho zonke ezingabhaliweyo encwadini yalo myalelo, wozinyusa uYehova phezu kwakho ude utshabalale;
-
62
|Deuteronomio 28:62|
nisale nibantu bambalwa, esikhundleni sokuba naningangeenkwenkwezi zezulu ukuba baninzi; ngokuba ungaliphulaphulanga izwi likaYehova uThixo wakho.
-
63
|Deuteronomio 28:63|
Kothi, njengokuba uYehova ebenemihlali ngani, ukuba anenzele okulungileyo, anandise: enjenjalo uYehova ukuba nemihlali ngani, ukuba anidakise, anitshabalalise; ninyothulwe emhlabeni lowo ungena kuwo, usiya kuwuma;
-
64
|Deuteronomio 28:64|
aniphangalalise uYehova phakathi kwezizwe zonke, ethabathela esiphelweni sehlabathi, ase esiphelweni sehlabathi; ukhonze thixo bambi khona, ongabazanga wena nooyihlo, imithi namatye.
-
65
|Deuteronomio 28:65|
Phakathi kwezo ntlanga akusayi kunyhamnyheka, ayisayi kuba nakuphumla intende yonyawo lwakho; uYehova wokunika apho ukugungqa kwentliziyo, nokuphela kwamehlo, nokuthiswa komphefumlo.
-
66
|Deuteronomio 28:66|
Ubomi bakho bojinga ngomsonto phambi kwakho, unkwantye ubusuku nemini, ungakholwa bubomi bakho;
-
67
|Deuteronomio 28:67|
kusasa wothi, Akwaba bekungokuhlwa! ngokuhlwa wothi, Akwaba bekukusasa! ngenxa yokunkwantya kwentliziyo yakho oya kunkwantya ngako, nangenxa yokubona aya kukubona amehlo akho.
-
68
|Deuteronomio 28:68|
UYehova wokubuyisela eYiputa ngeenqanawa, ngendlela endathi kuwe, Uze ungabi saphinda uyibone; kuthengiswe ngani khona ezintshabeni zenu, ukuba nibe ngamakhoboka namakhobokazana, kungabikho bani unithengayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7